bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Titus 2
Titus 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
WENA kodwa teta ezonto zifaneleyo ufundiso olunobomi:
2
ukuba amaxego abe zinca̔tu, enokuzibeka, enobutelekelelo, epilile elukolweni, elutandweni, emondeni:
3
ukuba ngokunjalo amaxegokazi ati ekumileni abe njengokufanele ubungcwele, engengabancetezi, engengamakonza kwiveyine eninzi, engabafundisi bokulungileyo;
4
ukuze aluleke abafazi abatsha batande amadoda abo, batande abantwana babo,
5
babe nobutelekelelo, babe becokisekile, babe ngabahlala endlwini, babe belungile, babe belulamela kwawabo amadoda, ukuze ilizwi likatixo lingagxekwa.
6
Ngokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba enze ngokutelekelela:
7
uzibonakalisa ngokwako nje ngento zonke ukuba ngumlinganiselo wemisebenzi elungileyo; ubonakalisa ekufundiseni kwako okungonakaliswayo, ukuzibeka,
8
ukuteta okunobomi okungenakugwetywa, ukuze oca̔sayo enzelwe intloni, engenanto embi yokuteta ngani.
9
Amakonza wayale ukuba alulamele kwezawo inkosi, abe ezintweni zonke ekolekile kuzo, engapiki,
10
engashinti, koko ebonakalisa yonke inyaniseko elungileyo; ukuze aluhombe ufundiso lwomsindisi wetu utixo ezintweni zonke.
11
Ngokuba lubonakele ufefe lukatixo oluzisa usindiso kubo bonke abantu,
12
lusifundisa ukuba siti, sikanyele nje ukungabedeshi nenkanuko zasemhlabeni, sihlale ngobutelekelelo nangobulungisa nangobubedesho kwelilizwe lakaloku nje;
13
silinda itemba elibutamsanqa nokubonakala kwobungcwalisa bake utixo omkulu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu,
14
owazinikela tina, ukuze asikulule kuko konke ukukohlakala, azihlambululele abantu abangabake kanye, bezondelele imisebenzi elungileyo.
15
Teta ezizinto, uyale, wohlwaye ngamandla onke. Makungabiko mntu okudelayo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3