bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Titus 3
Titus 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
BAKUMBUZE ukuba balulamele kwabanobukosi nakwabanegunya, babe nokupulapula, babe belungele yonke imisebenzi elungileyo,
2
bangagxeki mntu, bangabi ngabangxoli, babe nokutamba, bebonakalisa ululamo lwonke ngakubo bonke abantu.
3
Ngokuba tina nati sibe sifudula sibudenge, singeva, silahleka, sikonza inkanuko nemihlali emininzi, sihlala elunyeni nasemoneni, sitiyeka, sitiyana.
4
Kodwa okuya kwabonakalayo ububele bomsindisi wetu utixo notando lwake ngasebantwini,
5
bekungengemisebenzi yobulungisa esayenzayo tina, bekungokwetaṙu lake wasisindisayo, ngako ukuhlamba kwokuzalwa‐kutsha nokuhlaziya kwomoya oyingcwele;
6
ate wamgalela pezu kwetu ngobuninzi ngaye u‐Yesu Kristu umsindisi wetu;
7
ukuze ke, sigwetyelwe nje ngofefe lwake, sibe zindlalifa ngokwetemba lobomi obungunapakade.
8
Linyanisekile elilizwi; nezizinto ndinga ungaqinisa ukutshoza ngazo, ukuze abo bakoliweyo kutixo bakatalele ukuku̔tala emisebenzini elungileyo. Zizo ezi izinto ezilungileyo nezinokunceda ebantwini.
9
Kodwa imibuzo ebudenge, neziba̔lelwa zokuzalwa, namapike, nezipikisano ngawo umteto, zinxweme; ngokuba zingenakunceda, zingendawo kanjalo.
10
Umntu ongumahlukanisi, yiti emveni kwesesinye nesesibini isiluleko, umale;
11
usazinje ukuba lowo unjalo upanjukisiwe kanye, esona nokwona, ezigweba yena ngokwake.
12
XESHEKWENI ndiya kumtuma kuwe u‐Aratema, umhlaumbi u‐Tikikusi, nxamela ukuza kum e‐Nikopolisi: ngokuba ndigwebile ukuba ndiya kwenza ubusika kwa lapo.
13
U‐Zenasi umqondisimteto, no‐Apolosi, nxamela ukubahambisa ekuhambeni kwabo, kuze kungasweleki nto kubo.
14
Kanjalo mabafunde nabetu ukuku̔tala emisebenzini elungileyo ngenxa yentswelo ezifanele ukubako, ukuze bangabi ngabaputileyo.
15
Bonke abanam bayakubulisa. Bulisa abo basitandayo elukolweni. Ufefe malube nani nonke. Amene.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3