bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zephaniah 1
Zephaniah 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
1
ILIZWI likayehova elezayo ku‐Tsefaniya, unyana ka‐Kushi, unyana ka‐Gedaliya, unyana ka‐Amariya, unyana ka‐Hezekiya, emihleni ka‐Josiya, unyana ka‐Amoni, ukumkani wo‐Juda.
2
Ndiya kugqibela ukususa konke ebusweni belizwe, utsho uyehova.
3
Ndiya kususa abantu nenkomo; ndiya kususa intaka zezulu, nentlanzi zolwandle; neziku̔bekiso kunye nabakohlakeleyo; ndandiya kunqamla abantu ebusweni belizwe, utsho uyehova.
4
Kanjalo ndiya kusolula isandla sam pezu kwo‐Juda, napezu kwabo bonke abemi base‐Yerusaleme; ndandiya kunqamla kulendawo isisalela sika‐Bali, n egama lababingeli kunye nelabaperisite;
5
nabo babedeshayo umkosi wezulu pezu kwezindlu; nabo babedeshayo befunga uyehova, befunga u‐Moleke wabo naye;
6
nabo bahlehlileyo kuyehova, abangamfunanga uyehova, abangambuzanga kanjako.
7
Yiti tu ebusweni benkosi e nguyehova, ngokuba umhla kayehova ukufupi; ngokuba uyehova elungisile umbingo, ubahlule abamenyiweyo bake.
8
Kwakuya kuti ngomhla wombingo kayehova, ukuba ndiya kwohlwaya inkosana, nonyana bokumkani, nabo bonke abavete izivato zasemzini.
9
Ndandiya kubohlwaya bonke abagqita emnyango, ngomhla lowo, abazalisa izindlu zenkosi zabo ngobudlwengu nenkohliso.
10
Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova, intlokoma yokukala yovela esangweni lentlanzi, neyokulila kwesesibini isahlulo sesixeko, neyembujiswa enkulu ezindulini.
11
Lilani, nina bemi basemhlanjeni! ngokuba bonke abangabatengi betshatyalalisiwe; bonke abatweswa yimali banqanyulwe.
12
Kwakuya kuti ngexesha elo, ndiya kupanda i‐Yerusaleme ngezibane, ndiwohlwaye amadoda afinyeleyo pezu kwentlenga zawo, ati ezintliziyweni zawo: Uyehova akayi kwenza okulungileyo, akayi kwenza okubi kanjalo.
13
Ngako oko ubutyebi bawo boba ngamaxoba, nezindlu zawo zoba yingci̔takalo; angaka izindlu, kodwa akayi kuhlala kuzo; angatyala imiyezo, kodwa akayi kusela iveyine yayo.
14
Umhla omkulu kayehova ukufupi; ukufupi, uyakauleza kakulu; intlokoma yomhla kayehova: iṙoti lokala apo ngento ebuṙaṙa.
15
Umhla lowo ngumhla womsindo, ngumhla wobunzima noxinezeko, ngumhla wokuci̔takala nokutshabalala, ngumhla wobumnyama nesitokotoko, ngumhla wamafu nokusibekela kakulu,
16
ngumhla wexilongo nokuhlaba umkosi, ngakuzo izixeko ezinqatyisiweyo, nangakuwo amagumbi odonga amade.
17
Ndandiya kuzisa ubunzima pezu kwabantu, bade bahambe njengemfama; ngokokuba bonile ngakuye uyehova: laye igazi labo liya kutululwa njengotuli, nenyama yabo njengomgquba.
18
Kanjako isilivere yabo, negolide yabo, iya kukohlwa ukubahlangula ngomhla womsindo kayehova; kodwa ilizwe lonke liya kudliwa ngumlilo wekwele lake; ngokuba ukugqitywa okwalamileyo kanye eya kukwenzela bonke abemi belizwe.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3