bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zephaniah 3
Zephaniah 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
MAKUBE nzima kwesigwenxa, kwesidyojiweyo, kwesibandezelayo isixeko!
2
Aseva ilizwi, asamkela ululeko; asatembela kuyehova, asasondela kutixo waso.
3
Inkosana zaso pakati kwaso zizingonyama ezikonyayo; abagwebi baso bazincu̔ka zokuhlwa; abaṙwenyi amatambo kwakusa.
4
Abaprofite baso bangabazidlayo, bangamadoda ahanahanisayo; abaperisite baso banco̔lisile okuyingcwele; bapete umteto ngobudlwengu.
5
Uyehova, olungileyo, upakati kwaso; akenzi ubumenemene: ngemiso ngemiso uyabeka ubugwebo bake ekukanyeni, abusweleki; kodwa olimenemene akakwazi ukudana.
6
Izizwe ndizinqamlile; amagumbi odonga azo aci̔takele; izitarate zazo ndizenzile bunxuwa, kungeko odlulayo: izixeko zazo zici̔tiwe, zingenamntu; akuko ohlala kuzo.
7
Ndati: Okunene uya kwoyika mna, uya kwamkela ululeko; ukuze intlalo yaso inganqanyulwa, njengako konke endibe ndikumisele sona; kodwa bavuka kusasa, bazonakalisa zonke izenzo zabo.
8
Ngako oko, ndilindeni, utsho uyehova, emhleni ndivukelayo amaxoba; ngokuba ngumgwebo wam ukubuta izizwe, ukuhlanganisa izikumkani, ukutulula pezu kwazo ukuṙala kwam, kwa bonke ubushushu bengqumbo yam; ngokuba umhlaba wonke uya kudliwa ngumlilo wekwele lam.
9
Ngokuba oko ndiya kuguqulela ebantwini inteto engcwele, ukuba bonke babize egameni likayehova, bamkonze ngokuvumelana.
10
Bevela pesheya kwemilambo yase‐Tiyopiya, abakungi bam, intombi yabapangaleleyo bam, baya kuzisa umnikelo wam.
11
Ngomhla lowo akuyi kudana ngenxa yazo zonke izenzo zako, ogqitileyo ngazo ngakum; ngokuba oko ndiya kususa pakati kwako abavuyeleli bako abaner̔atshi; waungasayi kupinda ube nokuqanqalaza entabeni yam engcwele.
12
Ndandiya kushiya pakati kwako abantu abalulamileyo ababuhlwempu, abaya kutemba egameni likayehova.
13
Boti o‐Sirayeli abaseleyo abayi kubenza ubumenemene; abayi kuteta ubuxoki; kanjako ulwimi olukohlisayo aluyi kufunyanwa emlonyeni wabo; koko baya kudla balale pantsi, kungeko oya kuboyikisa.
14
Cula, ntombi yase‐Ziyone! danduluka, Sirayeli! vuya ugcobe ngentliziyo yonke, ntombi yase‐Yerusaleme!
15
Uyehova ususile imigwebo yako; udedisile utshaba lwako: ukumkani wo‐Sirayeli, uyehova, upakati kwako; akusayi kuba sabona ilishwa.
16
Ngomhla lowo kwotiwa kwi‐Yerusaleme: Ungoyiki; nakwi‐ Ziyone: Mazingapolelwa izandla zako.
17
Uyehova, utixo wako, upakati kwako, onamandla, osindisayo; uya kugcoba pezu kwako ngovuyo, woti cwaka elutandweni lwake; uya kuvuyelela pezu kwako ngokucula.
18
Ndiya kubuta abalusizi ngawo umtendeleko, abavela kuwe; betweswe lugxekwa ngenxa yawo.
19
Bona ke, ngexesha elo ndiya kugqibela bonke ababandezeli bako; kanti abaqwalelayo ndobasindisa, nabagxotiweyo ndobahlanganisa; ndandiya kubenzela udumo negama, kuwo onke amazwe badanisiwe kuwo.
20
Ngeloxesha ndiya kuningenisa, kwa ngexesha lokunihlanganisa kwam; ewe, ndiya kunenzela igama nodumo pakati kwabo bonke abantu bomhlaba, xeshekweni ndibuyisayo ukutinjwa kwenu pambi kwamehlo enu, utsho uyehova.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3