bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zephaniah 2
Zephaniah 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
Zibuteni, ewe butani, wena sizwe esingenakulangazelela!
2
ungekazali umteto; (njengomququ umhla uyadlula); bungekezi pezu kwenu ubushushu bengqumbo kayehova; ungekezi pezu kwenu umhla wengqumbo kayehova.
3
Mfuneni uyehova, nonke nina balulamileyo belizwe, abasenzileyo isigwebo sake; funani ubulungisa, funani ululamo, kungati niya kufihlelwa emhleni wengqumbo kayehova.
4
NGOKUBA i‐Gaza iya kushiywa, ne‐Ashekelone yoba yingci̔takalo; i‐Ashedode baya kuyigxota emini enkulu, ne‐Hekrone iya kudonyulwa.
5
Kwoba nzima kubo abemi basecaleni lolwandle, kwisizwe sama‐Keriti! ilizwi likayehova lingakuni, Kanane, lizwe lama‐Filistiya! ndandiya kukutshabalalisa, kuze kungabiko omiyo kuwe.
6
Kanjako icala lolwandle loba ngamadlelo, enamacibi abalusi, nezibaya zegusha.
7
Ewe, icala lalo loba lelesisalela sendlu ka‐Juda; baya kudla pezu kwalo: ezindlwini zase‐Ashekelone baya kulala pantsi ngokuhlwa; ngokuba uyehova, utixo wabo, eya kubakangela, abuyise ukutinjwa kwabo.
8
Ndivile isituko so‐Mowabi, nezigxeko zosapo luka‐Hamoni; abatukileyo abantu bam, bazenza bakulu ngakuwo umda wabo.
9
Ngako oko, ndihleli nje, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenyaniso i‐Mowabi yoba njenge‐Sodome, nosapo luka‐Hamoni njenge Gomora; indawo eyenileyo ngamaṙau, neyezihogo zetyuwa, nengci̔takalo engunapakade; isisalela sabantu bam sobapanga, neliva lesizwe sam lobafuya.
10
Oku boba nako ngenxa yer̔atshi labo, ngokuba betukile bazenza bakulu ngakubo abantu bake uyehova wemikosi.
11
Uyehova uya kwoyikeka kubo, ngokuba eya kubityisa bonke otixo bomhlaba: babeya kumbedesha, abanye ngabanye ezindaweni zabo, bonke abemi beziqiti zabaheyideni.
12
Nani, ma‐Tiyopiya! niyakuhlatywa ngesiṙele sam.
13
Kanjalo uya kwolula isandla sake pezu kwenode, atshabalalise i‐Asiriya; waeya kuyenza i‐Nineve ibe yingci̔takalo, indawo eyomileyo njengentlango.
14
Imihlambi yobutuma pakati kwayo, onke amaṙamncwa ezizwe; ewe, incwangube nencanda ziya kulalisa pezu kwemiqolo yayo; ilizwi liya kucula ezifenstileni, ingci̔takalo yoba seminyangweni, ngokuba isetyenzwa lesedare lenzwe zé.
15
Esi sisixeko esivuyelelayo esibe sihlala ngokunqaba, esibe sisiti entliziyweni yaso: Ndim, akuko ongapandle kwam. Sinjanina ukuba yingci̔takalo, indawo yokubutuma kwamaṙamncwa! bonke abadlulayo ngakuso baya kwenza amakwelo, bashukumise izandla zabo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3