bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Corinthians 2
1 Corinthians 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
1
Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi.
2
Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
3
Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu.
4
Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo.
5
Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.
6
Kambe ke into endiyithethayo ibubulumko kwabo bavuthiweyo. Kodwa ke obo abububo ubulumko beli phakade, bungebubo nobabaphathi balo ababhangayo.
7
Ndixela ubulumko bukaThixo obungaziwa mntu, awathi uThixo kwangaphambi kokudalwa kwehlabathi wabumisela ukuze sibe nodumo ngenxa yabo.
8
Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha.
9
Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu, zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
10
UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
11
Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
12
Ke thina asamkelanga moya simnikwe ngabantu; samkele uMoya esimnikwe nguThixo, ukuze sizazi izinto uThixo asibabale ngazo.
13
Ezi zinto ke sizithethayo asizithethi ngabuciko sibunikwe ngumntu, kodwa sizithetha ngobulumko esibunikwe nguMoya oyiNgcwele. Sicacisa izinto ezizezoMoya ngamazwi esiwanikwa nguMoya.
14
Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya.
15
Ke umntu okhokelwa nguMoya okunene uyakwazi ukuzicalula zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akanakuphengululwa ngabangakhokelwa nguMoya.
16
Kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi: “Ngubani na ozaziyo iingcamango zeNkosi; ingubani na onako ukuyicebisa?” Kaloku thina sicinga nto-nye noKrestu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16