bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Corinthians 5
1 Corinthians 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
Ndiva kusithiwa kukho umbulo phakathi kwenu. Lowo ke ngumbulo onganyamezelekiyo naphakathi kweentlanga. Ndithetha lo wokuba umntu ahlalisane nomfazi kayise.
2
Ningathini ke ukuzidla? Benimelwe kukwenyela, nimsuse phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
3
Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto.
4
Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa,
5
makanikelwe onjalo kuSathana, ukuze umzimba wakhe utshatyalaliswe, ngenjongo yokuba umoya wakhe ube nokusindiswa ngomhla womgwebo.
6
Hayi ukunyanyeka kweqhayiya lenu! Anisazi kakade isaci esithi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela”?
7
Likhupheni ngoko liphele tu igwele elidala elonakalisayo, ukuze nibe yintlama entsha. Kaloku niyintlama engenagwele, kuba *iPasika yethu seyilungisiwe, ethe nje uKrestu, ixhwane lethu lePasika, wenziwa idini.
8
Ngoko ke itheko lethu masingalityi ngasonka sinegwele elidala, elikukona nobubi, kodwa masilitye ngesonka esingenagwele, isonka sobunyulu nenyaniso.
9
Kwincwadi endanibhalela yona ndathi ze ningadibaniselani nabarheletyi.
10
Ke bendingaxeli abarheletyi beli hlabathi, ababawayo, izigebenga, nabakhonza izithixo. Ukuze ningadibaniselani nabo, bekuya kufuneka ningabikho emhlabeni!
11
Hayi, bendixela ukuba ningadibaniselani nosukuba ebizwa ngokuba likholwa, ukanti uyarheletya, okanye uyabawa, ukhonza izithixo, okanye uyanyelisa, linxila, okanye limenemene. Ewe, ze ningatyi nokutya oku nonjalo.
12
Asingomsebenzi wam ukubagweba abangengabo abebandla. Bagwetywa nguThixo bona. Kodwa ngumsebenzi wenu ukubagweba abebandla lenu, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ze nimsuse phakathi kwenu lowo ukhohlakeleyo.”
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16