bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Corinthians 8
1 Corinthians 8
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha.
2
Umntu oba unolwazi, okunene akakabi nalo ulwazi olululo.
3
Ke umntu omthandayo uThixo, uThixo unobudlelane naye.
4
Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi.
5
Kambe bakho ekuthiwa bangoothixo nokuba basezulwini okanye basehlabathini. Ewe, baninzi ababizwa ngokuthi “thixo” okanye ngokuthi “nkosi.” Nokuba kunjalo ke,
6
kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
7
Kodwa oku akwaziwa ngabantu bonke. Abanye nangoku basenesazela ngezithixo. Bona ke, xa batya inyama yedini, bayitya ilidini, sithi ke isazela sabo esibuthathaka sibadle.
8
Kodwa asinako ukumkholisa uThixo ngento esiyityayo okanye esingayityiyo. Akukho nto iya kusilungela ngakuba singatyanga, kungekho nto iya kusonakalela ngakuba sityile.
9
Nakuba kunjalo ke lumkani, hleze ilungelo lenu lokutya nayiphi na inyama libe sisikhubekiso kwabo bangekakhululeki ezithetheni.
10
Kaloku xa athe wakubona umntu ongekakhululeki ezithetheni wena “unolwazi” usitya inyama endlwini yezithixo, akayi kusuka aye kuyitya naye, kodwa yena ayitye ilidini elenzelwe izithixo?
11
Ngaloo ndlela ke umwenu ongekakhululeki ncam, owafelwa nguKrestu, wotshabalala ngenxa “yolwazi” lwakho olo.
12
Kanti xa nisenjenjalo ukona amawenu ngokuwakhubekisa, nona uKrestu.
13
Ngenxa yale nto ke ndithi: Ukuba ukutya kuyamkhubekisa umwethu, andisayi kutya nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umwethu.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16