bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Samuel 10
2 Samuel 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
1
Emva koko wafa ukumkani wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula uHanun unyana wakhe.
2
Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanum unyana kaNahashe njengoko wandenzelayo ububele uyise.” Wathuma izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanum ngenxa kayise. Athe ke loo madoda kaDavide akufika kwelama-Amon
3
izikhulu zama-Amon zathi kuHanun inkosi yazo: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe, esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; athunywe nguDavide ukuza kuhlola esi sixeko ukuze akwazi ukusibhukuqa.”
4
UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu icala elinye, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.
5
Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo, wathumela izigidimi, zawahlangabeza loo madoda, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”
6
Ke kaloku ama-Amon aqonda ukuba amkhubekisile uDavide, aza aya kuqesha amashumi amabini amawaka amadoda omkhosi ahamba ngeenyawo kuma-Aram kwimimandla yaseBhete-rehobhi naseZobha. Kukumkani waseMahaka aqesha iwaka lamadoda, laza ishumi elinambini lamawaka laqeshwa eTobhi.
7
Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha.
8
Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Ama-Aram aseZobha nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi naseMaka, athi gingqi odwa phaya ethafeni.
9
Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.
10
Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, waza wawahlela loo madoda ajongana nama-Amon.
11
UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.
12
Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zikaThixo. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”
13
UJowabhi namabutho akhe bafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.
14
Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wabuya ekulweni nama-Amon, waya eJerusalem nomkhosi wakhe.
15
Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli, ama-Aram aphinda aqokelelana.
16
Ukumkani uHadadizere wathi makulandwe ama-Aram angaphesheya komlambo iEfrati. Aya kuma eHelam, ekhokelwa nguShobhaki, injengele yomkhosi kakumkani uHadadizere.
17
Akuva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan, waya kutsho eHelam. Ama-Aram akha uluhlu lokulwa noDavide, zaza zanqoza.
18
Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala amakhulu asixhenxe amajoni eenqwelo, namashumi amane amawaka amajoni akhwela amahashe. Wangxwelerhwa uShobhaki injengele yomkhosi wawo, waza wafa.
19
Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zeza zenza uxolo namaSirayeli, zaba ngaphantsi kwawo. Ukususela oko ama-Aram oyika ukuwanceda emfazweni ama-Amon.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24