bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Samuel 9
2 Samuel 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
1
UDavide wathi: “Ngaba akusekho nampunde na iseleyo kumzi kaSawule? Ndifuna ukuyenzela inceba ngenxa kaJonatan.”
2
Kwakukho isicaka sakwaSawule apho, uZibha igama. Kwathiwa masiye phambi kokumkani. Wasibuza ukumkani sakufika wathi: “UnguZibha wena?” Saphendula sathi: “Ewe, ndinguye umkhonzi wakho.”
3
Uqhube wathi ukumkani: “Ngaba kusekho impunde ekhoyo endlwini kaSawule? Ndifuna ukubonakalisa inceba kaThixo kuyo.” UZibha wathi kukumkani: “Ewe, kusekho unyana kaJonatan; nto nje ulimele iinyawo zombini.”
4
Ukumkani wathi kuye: “Uphi apho akhoyo?” UZibha wathi kukumkani: “Uhlala kwaMakire, unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.”
5
Ke ukumkani uDavide wamsusa uMefibhoshete endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli eLodebhare.
6
Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!” Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.”
7
Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.”
8
Ubuye wakhahlela uMefibhoshete, wathi: “Mhlekazi, uyintoni na umkhonzi wakho ukuba uthathe ingqalelo ngenja efileyo enjengam nje?”
9
Ukumkani wabiza uZibha isicaka sikaSawule, wathi kuye: “Yonke into yakwaSawule inkosi yakho ndiyinika umzukulwana wakhe uMefibhoshete.
10
Nguwe ke kunye noonyana bakho nezicaka zakwakho abaza kusebenza kulaa mhlaba wenkosi yakho uSawule, nilimele usapho lwakhe, nilondle ngaloo ndlela. Yena ke uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, wohlala esitya isonka etafileni yam.” Wayeneshumi elinesihlanu loonyana uZibha, kunye namashumi amabini ezicaka.
11
UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani.
12
Wayenomntwana oyinkwenkwe uMefibhoshete, ogama linguMika. Bonke abantu ababehlala kwaZibha baba zizicaka zikaMefibhoshete.
13
Yena uMefibhoshete wayehlala eJerusalem, esitya njalo kwitafile kakumkani. Wayelimele kuzo zombini iinyawo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24