bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Samuel 23
2 Samuel 23
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
1
Nanku ke umyolelo kaDavide: Utsho uDavide unyana kaJese, itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu, umthanjiswa kaThixo kaYakobi, iciko leengoma kwaSirayeli.
2
UMoya *kaNdikhoyo uthetha ngomlomo wam; ilizwi lakhe lisencakameni yolwimi lwam.
3
Uthethile uThixo kaSirayeli; iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi: “Lowo kumkani ulawula ngobulungisa, lowo ulawula esoyika uThixo,
4
uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu, lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula, lintshulise ingca emhlabeni.”
5
UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam, kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike, umnqophis' ongayi kwaphulwa, dinga elingagugiyo. Uya kuluphumelelisa usindiso lwam, awufezekise wonke umnqweno wam.
6
Kodwa amatshijolo ngamev' alahliweyo; ziinkuni ezingathezwayo ngokuhlaba.
7
Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi, okanye atyhalwe ngomphini womkhonto, atshiselwe kuloo ndawo akuyo.
8
Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
9
Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli,
10
kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.
11
Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli,
12
wema yena uShama, walwa ekhusela loo ntsimi, afa amaFilistiya, watshatshela uNdikhoyo.
13
Kwakha kwathi kanye xa kusondela ixesha lokuvuna, kwasuka isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide, saya kuye kumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise ngakwintili yamaRafa.
14
Ngelo xesha uDavide wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem.
15
UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”
16
Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni eBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:
17
“Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi. Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.
18
UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.
19
Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.
20
Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.
21
Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
22
Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
23
Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
24
Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba: YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi, uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
25
uShama waseHarodi, uElikana waseHarodi,
26
uHeleze wasePeleti, kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
27
Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti, noMebhunayi waseHusha,
28
uZalmon waseAhoyi, kwakunye noMaharayi waseNetofa,
29
uHelebhe unyana kaBhana waseNetofa, noItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin.
30
Wayelapho uBhenaya wasePiraton, uHidayi wamaxandeka aseGahashe,
31
kunye noAbhiyalebhon waseBhete-arabha, uAzemavete waseBhawurim,
32
noEliyabha waseShalebhon. Zazilapho iinto zikaYashene, noJonatan
33
unyana kaShama waseHarari, kunye noAhiyam unyana kaSharare waseHarari,
34
uElifelete, unyana ka-Ahasebhayi waseMahaka, uEliyam unyana ka-Ahitofele waseGilo,
35
uHezero waseKarmele, uParayi waseArbhi,
36
uIgali unyana kaNatan waseZobha, uBhani wakwaGadi,
37
uZeleki umAmon, noNaharayi waseBheroti umphathi-zikrweqe zikaJowabhi, unyana kaZeruya.
38
Wayelapho uIra waseItri, noGarebhe waseItri,
39
kunye noUriya umHeti. Babengamashumi mathathu anesixhenxe xa bebonke.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24