bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ecclesiastes 1
Ecclesiastes 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 2 →
1
Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem:
2
“Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi, “ewe, ngokupheleleyo ngamampunge; yonk' into ngamampunge!”
3
Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza? Ude azuze ntoni ngokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?
4
Izizukulwana ziyafika, izizukulwana ziyemka, kodwa ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
5
Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone, lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.
6
Umoya ubhudla ubhekisa ngasezantsi, ubuye ubhekise ngasentla; wenza loo njike-njike uthatha umjikelo wawo.
7
Yonk' imilambo ingena elwandle, kodwa ke lona ulwandle aluzali; amanzi abuyela apho ebevela khona, aphinde asinge apho ebesiya khona.
8
Yonke into yindebelefele yendinisa engathethekiyo: iliso liyabona, kodwa alaneli; kanti nendlebe iyeva, kodwa ayihluthi.
9
Into eyakha yakho yophinda ibe khona. Le nto yenzekileyo iya kuphinda yenzeke kwakhona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10
Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!” Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.
11
Izinto zakudala azisakhunjulwa; ukanti ke nezi zanamhlanje izinto aziyi kwaziwa sisizukulwana esizayo.
12
Ke mna Ngqondi ndandingukumkani wakwaSirayeli eJerusalem.
13
Ndasuka ndazimisela ukuphicotha ndenze uphando ngobulumko ngazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini. Ewe, uThixo ubanike uxanduva lomzabalazo otyhafisayo abantu.
14
Ndizibonile ke zonke izinto ezenziwayo phantsi kwelanga; zonke zingamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
15
Kaloku into egoso-goso ayinakolulwa; ukanti nento engekhoyo ayinakubalwa.
16
Ndaziva sendisithi kum ngaphakathi: “Ngoku mna ndide ndabalasela ngobulumko kunaye nabani na owakhe walawula eJerusalem ngaphambi kwam. Ndinamava aphangaleleyo ngobulumko nolwazi.
17
Ndazimisela ukuzuza ulwazi nobulumko, ndibuqonde ubutyhakala nobudenge, kodwa ndafikelela kwelithi naleyo into ifana nokusukelana nomoya.”
18
Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka; kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12