bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ecclesiastes 6
Ecclesiastes 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 7 →
1
Nabu obunye ububi endibubonileyo apha phantsi kwelanga, yaye buthe zinzi phezu kwabantu:
2
nditsho into yokuba umntu anikwe ubutyebi nguThixo, aze abe ngumfo omi kakuhle nohlonelwayo, ade angasweli nto ayinqwenelayo, kambe ke uThixo angamniki ithuba lokuzixhamla, ndaweni yaloo nto kuvele owasemzini azixhamle ezo zinto. Ewe, ngamampunge le nto; iyimeko ebuhlungu.
3
Umntu noba anganekhulu labantwana, aphile imihla emininzi, phofu angabuxhamli ubumnandi bobomi, angènzelwa umngcwabo onguwo, mna ndithi akunani kwaumntwana ovele engasekho kunaye.
4
Kaloku ukuzalwa akumphathelanga nto loo mntwana, usuke aduke ebumnyameni, negama lakhe ligutyungelwe bubumnyama.
5
Nakuba lo mntwana engazange walibona ilanga, futhi engazange wazi nto, kodwa ke yena ukufumene ukuphumla kunaloo mntu.
6
Ewe, umdlula kude lee umntu ongaxhamlanga luyolo ebomini, noba angade aphile iwaka eliphindwe kabini leminyaka. Andithi na kaloku bonke baya ndaweni-nye?
7
Kuyo yonke imizabalazo yakhe umntu usebenzela emlonyeni, kodwa akaze anele.
8
Umntu osisilumko usigqitha ngani isityhakala? Kulinceda ntoni ihlwempu ukuyazi indlela yokuziphatha phakathi kwabantu?
9
Masanele zezo zinto sinazo endaweni yokuzikhathaza ngokunqwenela le naleya. Hayi bo, ngamampunge lawo, nqwa nokusukelana nomoya!
10
Yonke into ekhoyo sekukudala ithiywe igama layo, nento ayiyo umntu selisaziwa kakade; umntu akanako ukumelana nalowo womeleleyo kunaye.
11
Okukhona intetho iba nde kokukhona iye ilambatha intsingiselo yayo, ize ke incede bani loo nto?
12
Umntu angayazi njani eyona nto imfaneleyo umntu kobu bomi bufutshane buphuthe kangaka? Ewe, obu bomi buthi phinzi njengesithunzi. Ngubani onokumxelela into eya kwenzeka apha phantsi kwelanga akuba engasekho yena?
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12