bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ecclesiastes 11
Ecclesiastes 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 12 →
1
Kusebenzise oko unako; ngokuhamba kwexesha uya kufumana inzuzo.
2
Indyebo yakho yigcinise kwiindawo ezisixhenxe – ewe, noba zide zasibhozo – kuba kaloku akuyazi intlekele enokulihlela ihlabathi.
3
Amafu xa anemvula ayithulula emhlabeni; noba umthi uwela ngasezantsi okanye ngasentla, kodwa uhlala uthi ncwaba kuloo ndawo uwe kuyo.
4
Ukuba ujonge imo ethile yezulu soze ulime; kanti ke ukuba uqwalasela amafu soze uvune.
5
Njengoko ungayazi indlela yomoya, ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina, kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.
6
Imbewu yihlwayele kusasa, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho. Kaloku akuyazi eya kuphumelela: isenokuba yile okanye leya, ukanti zisenokuphumelela zombini.
7
Kuyanambitheka ukukhanya; kulungile emehlweni ukulibona ilanga.
8
Yixhamle ngokobungakanani bayo iminyaka yokudla kwakho ubomi, ukhumbule ukuba imihla yobumnyama xa ungasekhoyo iya kuba mininzi. Ewe, yonke into ezayo ingamampunge.
9
Wena mntu osemtsha, yonwaba ngethuba lobutsha bakho, intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula. Yenze loo nto isentliziyweni yakho, nditsho leyo ibonwa ngamehlo akho, kambe ke ukhumbule ukuba uza kuziphendulela enkundleni kaThixo ngayo yonke into oyenzileyo.
10
Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho, ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho. Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12