bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Thessalonians 1
2 Thessalonians 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
1
uPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu;
2
bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3
Simelwe kukuhlala sibulela kuThixo ngenxa yenu, bazalwana, njengokuba kufanelekile, ngokuba lukhula ngokugqithiseleyo ukholo lwenu, lusanda uthandano lwenu nonke ngabanye;
4
Ngoko ke siyaqhayisa ngani phakathi kwamabandla kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, neembandezelo enizinyamezelayo.
5
Nguwo lowo umbonakalaliso womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima;
6
ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo;
7
Nina ke, nina babandezelwayo, aniphumle kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zayo ezinamandla;
8
inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu;
9
bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo;
10
Xa ithe yeza kuzukiswa kubangcwele bayo, imangaliseke kubo bonke abakholwayo (ngokuba nakholwa bubungqina bethu kuni), ngaloo mini.
11
Kungoko sihlala sinithandazela, ukuba uThixo wethu anibalele ekuthini nilufanele ubizo olu, azalise ngamandla onke ukuthanda kwakhe ukulunga, nomsebenzi wokholo;
12
ukuze lizukiswe igama leNkosi yethu uYesu Kristu kuni, nani nizukiswe kuye, ngokobabalo lukaThixo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3