bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Thessalonians 2
2 Thessalonians 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nangokuhlanganiselwa kwethu kuyo,
2
ukuze ningazanyazanyiswa kwamsinya, nahlukane nengqiqo;
3
Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke loo mntu wesono, unyana wentshabalalo;
4
Lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo; ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguye uThixo.
5
Anikhumbuli na ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto?
6
Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.
7
Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza;
8
Uya kutyhileka ke lowo ungendawo, eya kuthi iNkosi imtshabalalise ngomoya womlomo wayo, imbhangise ngokubonakala kokufika kwayo;
9
Lowo ukufika kwakhe kungokokusebenza kukaSathana, ngayo yonke imisebenzi yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki,
10
nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.
11
Ngenxa yoko uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;
12
ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.
13
Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;
14
awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.
15
Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.
16
Ke kaloku iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, ngobabalo wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo;
17
Wazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3