bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Thessalonians 3
2 Thessalonians 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhululeke, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
2
nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.
3
Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.
4
Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.
5
Yayingathi iNkosi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, nasekunyamezeleni uKrestu.
6
Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi.
7
Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu;
8
Kuba asidlanga sonka samntu ngelize; sisebenza nzima nangemigudu ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni;
9
kungekuba singenagunya; senzela ukuba sibe ngumzekelo kuni, ukuze nisilandele.
10
Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.
11
Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.
12
Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.
13
Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.
14
Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.
15
Noko ke musani ukumgqala njengotshaba;
16
Yaye ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. iNkosi ibe nani nonke.
17
Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.
18
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. Amen. (Incwadi yesibini eya kwabaseTesalonika yabhalwa eAtene.)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3