bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Ephesians 3
Ephesians 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
1
Ngenxa yoko mna Pawulos, mbanjwa kaYesu Kristu ngenxa yenu zintlanga,
2
Ukuba nikuvile ulungiselelo lobabalo lukaThixo, endababalwa ngalo kuni;
3
okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo; (njengoko ndibhale ngaphambili ngamafutshane),
4
enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa ukwazi kwam kwimfihlelo kaKristu;
5
ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;
6
ukuze iintlanga zibe ziindlalifa kunye naye, zibe zimzimba mnye, zibe ngamadlelane ngedinga lakhe elikuKristu, ngazo iindaba ezilungileyo;
7
endabamiselayo mna ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endasibabalwa ngalo ngokusebenza kwamandla akhe.
8
Mna lo ungoyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
9
ndibakhanyisele bonke abantu, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
10
ukuze ngoku izilawuli namandla, kwezasezulwini iindawo, zaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi;
11
ngokwengqibo yaphakade, awayenzayo ngoKristu Yesu, iNkosi yethu;
12
Esikuye ke sinokungafihlisi, nokungeniswa kwethu sikholosile, ngokukholwa kuye;
13
Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.
14
Ngenxa yoko ndiguqa ngamadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu;
15
Ekuthiywe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,
16
ukuze aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;
17
ukuze uKristu ahlale ngokholo ezintliziyweni zenu; ukuze nina, nimiliselwe nisekelwe eluthandweni;
18
ninako ke ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama;
19
kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi, ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.
20
Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu;
21
kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6