bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Ephesians 5
Ephesians 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
1
Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda;
2
nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.
3
Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;
4
kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.
5
Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.
6
Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.
7
Ngoko musani ukuba ngamahlulelana nabo.
8
Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya.
9
(Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;)
10
Nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.
11
Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo;
12
Kuba izinto ezenziwa kubo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.
13
Ke zonke ezi zinto, zakohlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.
14
Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.
15
Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;
16
nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.
17
Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.
18
Musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; kodwa nizaliswe nguMoya;
19
nithetha omnye komnye ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,
20
nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;
21
Nilulamelana ngokoyika uThixo.
22
Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;
23
Ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.
24
Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke.
25
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;
26
ukuze asingcwalise, asihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;
27
ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo; mayibe ngcwele, ingabi nasiphako.
28
Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda;
29
kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla.
30
Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo.
31
Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye.
32
Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla.
33
Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; Umfazi ke makayoyike indoda.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6