bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Ephesians 6
Ephesians 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
1
Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
2
Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;
3
ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
4
Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.
5
Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe,
6
kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube njengabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasentliziyweni;
7
nisebenza ngentumekelelo, ngathi kukwiNkosi, akukhona kubantu;
8
nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba ungumkhonzi nokuba ungokhululekileyo.
9
Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; kananjalo akukho kukhetha buso kuye.
10
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
11
Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.
12
Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
13
Ngoko ke, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.
14
Yimani ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa;
15
Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
16
Ngaphezu kweento zonke, qubulani ikhaka lokholo, enothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zongendawo.
17
Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;
18
ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele;
19
nakum, ukuze ndilinikwe ilizwi lokuba ndiwuvule umlomo wam ngokungafihlisiyo, ukuyazisa imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo;
20
endisisigidimi ngenxa yazo ndisezintanjeni; ukuze ndithethe ngako ukungafihlisi, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
21
Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini;
22
endimthumele khona oku kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu.
23
Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu.
24
Ubabalo malube nabo bonke abayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala. Amen. (Ibhalelwa kwabase-Efese eseRoma, nguTikiko.)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
All chapters:
1
2
3
4
5
6