bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Titus 1
Titus 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
1
uPawulos, umkhonzi kathixo, umpostile ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo;
2
ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga kwaphambi kwamaxesha aphakade;
3
Walibonakalalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha amisiweyo, ngesigidimi endasiphathiswa mna, ngokomthetho kaThixo uMsindisi wethu;
4
ubhalela uTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu.
5
Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna;
6
ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu.
7
Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; ungengazithandi, ucaphuka msinya;
8
Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, ozingcayo;
9
ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.
10
Kuba baninzi abathetha izinto ezingento, nabakhohlisayo, ngokukodwa abo bolwaluko;
11
abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi.
12
Uthi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amarhamncwa axhwalekileyo.
13
Obu bungqina buyinene. Ngenxa yoko bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni;
14
banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso.
15
Zonke izinto zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo.
16
Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3