bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Titus 3
Titus 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, bathobele abathetheli, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo;
2
Mabanganyelisi mntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke.
3
Kaloku nathi besifudula sizizidenge, singeva, silahlekiswa, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeenkanuko, siphila ebubini nasekhweleni, sithiyayo.
4
Kwathi ke emva koko kwabonakala ububele nothando lukaThixo, uMsindisi wethu, kubantu;
5
kungengamisebenzi yobulungisa esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele;
6
Owasithululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu;
7
ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwakhe, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.
8
Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zilungile, zinokubanceda abantu.
9
Kodwa yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi nganto, zililize.
10
Umntu ongumahlukanisi emva kokululekwa kokuqala nokwesibini mmangale;
11
usazi nje ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; uyona, ezigwebile ngokwakhe.
12
Xa ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopoli; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.
13
uZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, baxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto.
14
Kwanewethu ke masifunde ukuhlala sisenza imisebenzi emihle, siswele amandla, singabi ngabaswele isiqhamo.
15
Bayakubulisa bonke abanam. Ndibulisele kwabasithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen. (Yabhalelwa uTito, owamiselwa ukuba abe ngubhishophu wokuqala webandla lamaKrete, eNikopolis yaseMakedoni.)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3