bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Titus 2
Titus 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;
2
ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, ekunyamezeleni;
3
kwangokunjalo abafazi abakhulu mababe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi;
4
ukuze bafundise abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo;
5
babe nesidima, babe nyulu, bagcine ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.
6
Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.
7
Ezintweni zonke uze uzibonakalise ungumzekelo wemisebenzi emihle: emfundisweni ubonakala ekungonakali, ukundileka, nokunyaniseka,
8
Ilizwi eliphilileyo, elingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.
9
Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphenduli kwakhona;
10
ingabi ngeentlondi, isuke ibonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo; ukuze bayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.
11
Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;
12
lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;
13
silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu;
14
owazinikelayo ngenxa yethu, ukuze asikhulule kubo bonke ubugwenxa, asihlambululele abantu abayinqobo kuye, abazondelela imisebenzi emihle.
15
Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo;
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3