bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Exodus 17
Exodus 17
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 18 →
1
Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.
2
Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele.Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?
3
Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?
4
UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.
5
Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.
6
Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.
7
Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?
8
UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim.
9
Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki;
10
bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli.
11
Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki.
12
Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.
13
UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.
14
Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.
15
UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam.
16
Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40