bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Exodus 8
Exodus 8
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 9 →
1
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
2
Ke ukuba uthe akwavuma ukubandulula, uyabona, ndoyibetha yonke imida yakho ngamasele;
3
umlambo unyakazele amasele, anyuke, angene endlwini yakho, nasesililini sakho, naphezu kwesingqengqelo sakho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, nasezimbizeni zakho, nasemikhumbini yakho yentlama;
4
anyuke amasele lawo, eze nakuwe, nakubantu bakho, nakubakhonzi bakho bonke.
5
Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula isandla sakho eso sinentonga yakho phezu kwemilambo, naphezu kwemijelo, naphezu kwamachibi, unyuse amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
6
Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa;enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa.
7
Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
8
UFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Mthandazeni uYehova, awasuse amasele kum nasebantwini bam; ndobandulula abantu, baye kubingelela kuYehova.
9
Wathi uMoses kuFaro, Zizukise ngokundimisela ixesha lokuba ndikuthandazele nini na, wena nabakhonzi bakho, nabantu bakho, anqunyulwe amasele kuwe nakwindlu yakho, asale emlanjeni wodwa.
10
Wathi yena, Ngomso. Wathi ke, Makube ngokwelizwi lakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengoYehova uThixo wethu;
11
asuke amasele kuwe, nakwizindlu zakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho; asale emlanjeni wodwa.
12
Baphuma ke ooMoses noAron kuFaro; wadanduluka uMoses kuYehova ngendawo yamasele abewabeke phezu koFaro.
13
Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses. Afa amasele ezindlwini, nasezintendelezweni, nasemasimini.
14
Bawahlanganisa aziimfumba ngeemfumba; lanuka ilizwe.
15
Uthe ke uFaro akuba nethuba lokuphefumla, wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
16
Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula intonga yakho, ulubethe uthuli lwelizwe lube ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
17
Benjenjalo. Wasolula uAron isandla sakhe eso sinentonga yakhe, walubetha uthuli lwelizwe, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Lonke uthuli lwelizwe lwaba ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
18
Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni.
19
Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
20
Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa ngomso, ume phambi koFaro, nanko ephuma esiya emanzini; uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
21
Okanye ukuba uthe akwabandulula abantu bam, yabona, ndithuma izibawu kuwe, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, nasezindlwini zakho, zizale izindlu zamaYiputa zizibawu, nomhlaba akuwo;
22
ndilibalule ngaloo mini lona ilizwe laseGoshen, abemi kulo abantu bam, kungabikho zibawu khona, ukuze wazi ukuba ndinguYehova phakathi kwelizwe;
23
ndimise inkululo phakathi kwabantu bam nabantu bakho; lo mqondiso uya kubakho ngomso.
24
Wenjenjalo uYehova. Kweza izibawu ezininzi endlwini kaFaro, nasezindlwini zabakhonzi bakhe, nasezweni lonke laseYiputa;lonakala ilizwe zizibawu.
25
UFaro wabiza uMoses na-Aron, wathi, Yiyani nibingelele kuThixo wenu kweli lizwe.
26
Wathi uMoses, Akulungisile ukwenjenjalo; kuba soba sibingelela amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu. Ukuba sithe sabingelela into engamasikizi kumaYiputa phambi kwawo, osixuluba ngamatye.
27
Siya kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu entlango, sibingelele kuYehova uThixo wethu, njengoko wothi asiyalele.
28
Wathi uFaro, Ndiya kunindulula nina, niye kubingelela kuYehova uThixo wenu entlango, kodwa ize ningahambi niye kude;ndithandazeleni.
29
Wathi uMoses, Yabona, ndiya kuphuma kuwe, ndithandaze kuYehova, zimke izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe ngomso, kodwa makangaphindi uFaro akhohlise ngokungabandululi abantu, baye kubingelela kuYehova.
30
Wemka uMoses, wathandaza kuYehova.
31
Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses, wazisusa izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe; akwasala nasinye.
32
UFaro wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, nangesi sihlandlo, akabandulula abantu.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40