bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Exodus 4
Exodus 4
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 5 →
1
Waphendula uMoses wathi, Uyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe.
2
Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho?Wathi, Yintonga.
3
Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses.
4
Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe);
5
ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe.
6
Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe.Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu.
7
Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho.Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe.
8
Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, abaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.
9
Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, abaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.
10
Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.
11
Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini?Ngubani na owenze isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama?Asindim na, mna Yehova?
12
Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
13
Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.
14
Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela;wokubona, avuye entliziyweni yakhe.
15
Wothetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.
16
Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.
17
Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; uya kwenza ngayo imiqondiso leyo.
18
Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.
19
UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa;kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.
20
UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.
21
Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.
22
Wothi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;
23
ndithi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walile nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.
24
Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala.
25
UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwaluswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.
26
Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko.
27
Wathi uYehova kuAron, Hamba uye kukhawulela uMoses entlango. Waya ke, wamhlangabeza entabeni kaThixo, wamanga.
28
UMoses wamxelela uAron onke amazwi kaYehova abemthume wona, nemiqondiso yonke abemwisele umthetho ngayo.
29
Wahamba uMoses noAron, bawahlanganisa onke amadoda amakhulu oonyana bakaSirayeli.
30
Wawathetha uAron onke amazwi abewathethile uYehova kuMoses, wayenza nemiqondiso phambi kwabantu.
31
Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wazibona iintsizi zabo, bathoba baqubuda.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40