bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Hosea 10
Hosea 10
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 11 →
1
USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo.Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo;okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye.
2
Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala.Uya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.
3
Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?
4
Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.
5
Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.
6
Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi; uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.
7
Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.
8
Iziganga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.
9
Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wona; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha.
10
Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.
11
UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela.
12
Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa.
13
Nalima okungendawo, navuna ubugqwetha, nadla iziqhamo zobuxoki; kuba wakholosa ngendlela yakho, ngobuninzi bamagorha akho.
14
Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana.
15
Iya kwenjenjalo kuni iBheteli, ngenxa yobubi bezinto zenu ezimbi; kwangesifingo uya kusingelwa phantsi aphele ukumkani wakwaSirayeli.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14