bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Hosea 11
Hosea 11
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 12 →
1
Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
2
Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali, baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.
3
Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; abazanga noko, ukuba ndabaphilisa.
4
Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.
5
Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.
6
Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.
7
Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, abaziphakamisi mpela.
8
Ndingathini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli?Ndingathini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye.
9
Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim; ngokuba ndinguThixo, andimntu;ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo.
10
Baya kumlandela uYehova; uya kubharhula njengengonyama;kuba yena uya kubharhula, bavele entshonalanga oonyana, begubha.
11
Baya kuvela eYiputa, begubha njengeentaka, bavele ezweni laseAsiriya njengamavukuthu, ndibabeke ezindlwini zabo; utsho uYehova.
12
UEfrayim undirhawule ngobuxoki, indlu kaSirayeli ngenkohliso; noYuda usengumqhathu kuThixo, koyiNgcwele, onyanisileyo.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14