bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Hosea 4
Hosea 4
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 5 →
1
Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.
2
Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza;bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.
3
Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.
4
Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.
5
Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.
6
Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho;ndobalibala abantwana bakho nam.
7
Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.
8
Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.
9
Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli;ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe.
10
Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.
11
Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.
12
Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela;ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.
13
Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.
14
Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza;noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.
15
Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda;musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.
16
Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa;ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane.
17
UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.
18
Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.
19
Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14