bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Isaiah 40
Isaiah 40
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 41 →
1
Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu.
2
Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.
3
Yivani omemezayo, esithi, Yigeceni entlango indlela kaYehova; tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini.
4
Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili;
5
butyhileke ubuqaqawuli bukaYehova, ibubone inyama yonke kunye; ngokuba uthethile umlomo kaYehova.
6
Ilizwi lothile lathi, Memeza. Wathi yena, Ndimemeze ntoni na? Yithi, Yonke inyama ibutyani, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle.
7
Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani.
8
Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ke lona ilizwi likaThixo wethu liya kuma ngonaphakade.
9
Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu!
10
Uyabona, iNkosi uYehova iya kuza, ingowomeleleyo, ingalo yayo iyilawulela. Uyabona, umvuzo wayo inawo, nomsebenzi wayo uphambi kwayo.
11
Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.
12
Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe, walilungisa izulu ngomoluko weminwe, walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo, wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali?
13
Ngubani na owalungisa uMoya kaYehova, waba yindoda emcebisayo, wamazisa?
14
Wacebisana nabani na owamqondisayo, wamfundisa umendo wesiko, wamfundisa ukwazi, wamazisa indlela yokuqonda?
15
Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi emphandeni, njengesuntswana esikalini. Yabona, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo.
16
ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kubalidini elinyukayo.
17
Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.
18
Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumise mfanekiselo mni na naye?
19
Umfanekiso oqingqiweyo utyhidwa yingcibi, awaleke ngegolide umnyibilikisi, awunyibilikisele imixokelelwane yesilivere.
20
Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola;uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma.
21
Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko?aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi?
22
Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala;
23
ulozenza izidwangube ukuba zingabi nto, abagwebi behlabathi abenze babe luchuku.
24
Bengekathi ukutyalwa, bengekathi ukuhlwayelwa, singekathi ukwendelisela iingcambu emhlabeni isiphunzi sabo, uselebafuthela bome, ubathabathe umoya ovuthuzayo njengomququ.
25
Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? utsho oyiNgcwele.
26
Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.
27
Yini na ukuba uthi, Yakobiuthethe uthi, Sirayeli Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam?
28
Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.
29
Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.
30
Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;
31
ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni;banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66