bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Isaiah 60
Isaiah 60
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 59
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 61 →
1
Suk ume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe.
2
Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaha, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.
3
Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho.
4
Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.
5
Uya kwandula ukubona, ukhazimle, inkwantye yande intliziyo yakho; ngokuba iya kuguqulelwa kuwe intabalala yolwandle, ubutyebi beentlanga buya kuza kuwe.
6
Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amagobo akwaMidiyan nawakwaEfa, bonke bephela baya kuza bevela kwaShebha, bezisa igolide nentlaka emhlophe, beshumayela iindaba ezilungileyo zeendumiso zikaYehova.
7
Yonke imihlambi yakwaKedare ibuthelana kuwe, iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti ziyakulungiselela; zinyuka ngokulikholo kum esibingelelweni sam, ndihombise indlu yokuhomba kwam.
8
Ngoobani na abaya, beza bebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo?
9
Okwenene zithembele kum iziqithi, ziinqanawa zaseTarshishe phambili; zizisa oonyana bakho bevela kude, benesilivere yabo negolide yabo, kwigama likaYehova uThixo wakho, koyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekuhombisile.
10
Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu;
11
ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa.
12
Kuba uhlanga nobukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala, ezo ntlanga ziphanze ziphanzile.
13
Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres nompleyini nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.
14
Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; ukukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli.
15
Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.
16
Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.
17
Esikhundleni sobhedu ndizisa igolide, esikhundleni sesinyithi ndizisa isilivere, esikhundleni semithi ubhedu, esikhundleni samatye isinyithi; isiveleli sakho ndisenze uxolo, abaphathi bakho ndibenze ubulungisa.
18
Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wothi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso.
19
Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho.
20
Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho;kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho.
21
Abantu bakho bayakuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.
22
Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.
← Chapter 59
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 61 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66