bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Isaiah 7
Isaiah 7
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 8 →
1
Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram, enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo.
2
Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.
3
Wathi uYehova kuIsaya, Khawuphume uye umkhawulele uAhazi, wena noMasalela-obuya unyana wakho, ekupheleni komjelo wechibi lasentla, emendweni ongasentsimini yomxovuli weengubo;
4
uthi kuye, Gcinisa, uzole, ungoyiki, ingathambi intliziyo yakho ngenxa yezo zikhondo zibini zezikhuni eziqhumayo, ekuvutheni komsindo kaRetsin nama-Aram, nonyana kaRemaliya;
5
ngenxa enokuba ama-Aram namaEfrayim nonyana kaRemaliya becebile ububi ngawe, besithi,
6
Masinyuke siye kwelakwaYuda, silikruqule, silinqike libe lelethu, simise ukumkani phakathi kwalo, unyana kaTabhele;
7
itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Loo nto ayiyi kuma, ayiyi kubakho.
8
Ngokuba intloko yama-Aram yiDamasko, intloko yeDamasko nguRetsin; kuya kuthi iseyiminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, aqotywe amaEfrayim, angabi bantu.
9
Intloko yamaEfrayim kukwaSamari, intloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe anakholwa, inene, aniyi kuqiniseka.
10
Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi,
11
Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu.
12
Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.
13
Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?
14
Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
15
Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.
16
Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, woba selushiyiwe loo mhlaba, ukumkani bawo babini bakukruqulayo.
17
UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo.
18
Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya;
19
zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.
20
Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo, ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.
21
Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini;
22
kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.
23
Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka.
24
Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka.
25
Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66