bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Revelation 20
Revelation 20
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 21 →
1
Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso.
2
Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka.
3
Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.
4
Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo.Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.
5
Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala.
6
Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala;ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.
7
Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe;
8
aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni ezine zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, abanani labo lingangentlabathi yaselwandle.
9
Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba.
10
UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
11
Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.
12
Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi;bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.
13
Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.
14
Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.
15
Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22