bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Revelation 7
Revelation 7
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 8 →
1
Emva koko ndabona izithunywa zezulu zizine, zimi ezimbombeni zone zomhlaba, zibambe imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.
2
Ndabona esinye isithunywa sezulu, sinyuka sivela empumalanga, sinetywina likaThixo ophilileyo. Sadanduluka ngezwi elikhulu: kuzo izithunywa zezulu zozine, ezanikwa igunya lokuwonakalisa umhlaba nolwandle,
3
sisithi, Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo.
4
Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.
5
Esizweni sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.Esizweni sakwaRubhen kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.Esizweni sakwaGadi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
6
Esizweni sakwa-Ashere kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.Esizweni sakwaNafetali kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.Esizweni sakwaManase kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
7
Esizweni sakwaSimon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.Esizweni sakwaLevi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.Esizweni sakwaIsakare kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
8
Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.
9
Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,
10
bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, Nakuyo iMvana!
11
Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenze isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zone, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo, zaqubuda kuye uThixo,
12
zisithi: Amen, Ukubongwa, nozuko, nobulumko, Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, Makube kuye uThixo wethu, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni! Amen.
13
Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?
14
Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.
15
Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.
16
Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu;
17
ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22