bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Revelation 4
Revelation 4
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 5 →
1
Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini;ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa iinto ezimele ukubakho emva kwezi.
2
Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo.
3
Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo; waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo.
4
Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anane; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.
5
Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi;kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo.
6
Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce.Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.
7
Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela.
8
Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.
9
Xa zithi izinto eziphilileyo zibe zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni,
10
asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamane, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi:
11
Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22