bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Peter 2
1 Peter 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
1
Ngako ke senibeka nxamnye nje lwonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nobuhanahaniso, nomona, nako konke ukuhleba,
2
njengentsana ezisand’ ukuzalwa, nqwenelani ubisi olungagxengelwayo lwaselizwini, ukuze nikule ngalo;
3
ukuba ke nivile ukuba inkosi inobubele.
4
Eniti, nisondela kuyo, njengakulo ilitye elipilileyo, lilahliwe okunene ngabantu, kodwa pambi kwotixo linyuliwe, linqabile,
5
kwa nani, njengamatye apilileyo, nakiwe niyindlu ebumoya, nibubuperisite obuyingcwele, kuze kunikelwe amadini abumoya, ekolekile kakuhle kutixo ngaye u‐Yesu Kristu.
6
Ngoko kanjako kuko indawo esiba̔lweni yokuti: Bona ke, ndiyabeka e‐Ziyone ilitye eliyintloko yegumbi, linyuliwe, linqabile: kanjalo okolwayo kulo akasayi kudaniswa.
7
Kukokwenu ngoko oko kunqabileyo, nina nikolwayo; kodwa abangevayo kukokwabo oko kutiwa: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi,
8
nelitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa; kwa kubo abaku̔bekayo bengaliva nje ilizwi; abebemiselwa kona kanjako.
9
Kodwa nina nisisizukulwana esinyuliweyo, nibubuperisite obubukumkani, nisisizwe esingcwele, ningabantu abayimfuyo etengiweyo; ukuze nibalise izinto zamandla zalowo wanibizayo nipume ebumnyameni ningene ekukanyeni kwake okungummangaliso:
10
nina enibe nifudula ningengabantu, kodwa kaloku ningabantu bakatixo; enibe ningafumananga ububele, kodwa kaloku nifumene ububele.
11
BATANDWA! ndiya ni yala njengabapamkukeli nabaṙanukeli, ukuba nizile inkanuko zasenyameni, ezilwayo ngakuwo umpefumlo;
12
ninako ukumila kwenu nje pakati kwabo abaheyideni kufanelekile; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, bati ngezenzo zenu ezifanelekileyo bakuzibonela badumise utixo emhleni wokunonelelwa kwabo.
13
Lulamelani ngoko kuzo zonke izidalelwa zasebantwini, ngenxa yayo inkosi: nokuba kube kukumkani, njengakopezulu;
14
nokuba kube sezinkosini, njengakubo abatunyiweyo nguye kube kukwohlwaywa kwabenzi bokukohlakeleyo, nokunconywa kwabenzi bokulungileyo.
15
Ngokuba injalo intando katixo, ukuba niti ngokwenza okulungileyo nikuti cwaka ukungazi kwabantu abazizidenge:
16
njengabakululekileyo, kanti ningenako ukukululeka kwenu njengesigubungelo sobumenemene, koko ninako njengamakonza katixo.
17
Bekani abantu bonke. Tandani ubuzalwana. Yoyikani utixo. Bekani ukumkani.
18
Nina zicaka! lulamelani kuzo inkosi zenu ngokuhlonela konke; kungabi kuzo ezilungileyo nezitambileyo zodwa, kube nakuzo ezigwenxa.
19
Ngokuba oku kuyinto enokubukwa, ukuba umntu ngenxa yokwazela utixo uyazinyamezela intsizi, niziva nje ngokupatwa ngokungalungileyo.
20
Ngokuba ludumo lunina, ukuba niya kuti, nxa nisona nandul’ ukubetwa, ninyamezele? Koko ukuba niya kuti, nxa nisenza okulungileyo nandul’ ukuva intlungu, ninyamezele, oku kuyinto enokubukwa pambi kwotixo.
21
Ngokuba nibizelwe kwa oku: kuba no‐Kristu esivele tina intlungu, esishiyela umlinganiso, ukuze nilandele emikondweni yake:
22
ongenzanga sono, nekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wake:
23
obesiti akutukwa akapindezela ngokutuka; akuva intlungu akasongela; kodwa wazilahlela kulowo ugwebayo ngokulungileyo:
24
owati izono zetu yena ngokwake wazitwala emzimbeni wake pezu kwomti, ukuze siti, sifile nje ngakuzo izono, sibe sisidla ubomi ngakubo ubulungisa: okungayo imivimbo yake napiliswa.
25
Ngokuba nibe ninjengegusha ezilahlekayo; koko kaloku nibuyele kuye umalusi nomlindi wemipefumlo yenu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5