bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Peter 5
1 Peter 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
1
ABADALA abapakati kwenu ndiyabayala, ondinguye umdali kunye nabo, nenqi̔na lentlungu zika‐Kristu, nonobudlelana nabo ubungcwalisa obuza kutyilwa kanjalo.
2
Yalusani umhlambi katixo opakati kwenu, ni wu nonelele, kungabi ngokunyanzelwa, kube ngokuvuma; kungabi ke ngenxa yenzuzo embi, kube ngonxamelo lwentliziyo;
3
kungabi ke njengokuba nizipata ngobukosi izahlulo zelifa lika‐Tixo, kube njengokuba niyimizekelo kumhlambi.
4
Noza niti, akubonakaliswa umalusi omkulu, namkele isitsaba sobungcwalisa esingashwabaniyo.
5
Ngokunjalo, nina batsha! lulamelani kubo abadala. Ewe nonke lulamelani omnye kwomnye, nambate ukutobeka kwentliziyo: ngokuba utixo emelana nabaner̔atshi, kodwa abatobekileyo uyabapa ufefe.
6
Zitobeni ngoko ngapantsi kwaso isandla esinamandla sikatixo, ukuze anipakamise ngexesha elifanelekileyo;
7
sonke isitukutezi senu nisilahlele kuye nje, kuba enikatalela.
8
Qabukani, nilinde; kuba u‐Satane utshaba lwenu, njengayo ingonyama ekonyayo, ehambahamba, efuna lowo angamginyayo:
9
oyena nimale nite nqi elukolweni, nisazi nje ukuba intlungu ezikwa zizo ziyafezwa kubo ubuzalwana benu obuselizweni.
10
Kekaloku utixo wofefe lwonke, owasibizelayo ebungcwaliseni bake obungunapakade ku‐Kristu Yesu, wanga angati ngokwake, nakuba nivile intlungu kancinane, anizalisekise, aniqinise, anomeleze, anisekele.
11
Kwa kuye makubeko ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
12
Ngaye u‐Silivane, umzalwana onyanisekileyo kuni, njengokuba nditelekelelisa, ndiba̔lile ngokufutshane, ndiyala, ndinqi̔na nokunqi̔na ukuba lulo ufefe oluyinyaniso lukatixo olu nimiyo kulo.
13
Iṙemente ese‐Babilone eqashiweyo kunye nani, iyanibulisa: kwa no‐Maraki unyana wam.
14
Bulisanani ngokwanga kwotando. Uxolo malube kuni nonke nikuye u‐Kristu Yesu. Amene.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
All chapters:
1
2
3
4
5