bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Peter 3
1 Peter 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
1
Ngokunjalo, nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda; ukuze ke, ukuba kuko angalivayo ilizwi, azuzwe ngokumila kwabafazi bawo kungeko ukuteta;
2
akubonela ukumila kwenu okucokisekileyo kunokuhlonela.
3
Abakuhomba makungabi koko kungapandle, njengo kwokupota inwele, nokwokufaka igolide, nokwokwambata izivato;
4
koko makube ngumntu ositeleyo wentliziyo, ngo kuhomba okungonakaliyo kwomoya olulamileyo nozolileyo, olixabiso elikulu ebusweni bukatixo.
5
Ngokuba bebefudula besenje njalo nabafazi abangcwele, abebetemba kuye utixo, ukuzihomba kwabo, belulamela kwawabo amadoda:
6
njengokuba u‐Sara wamvayo u‐Abrahame, embiza ngenkosi; enizintombi zake nina, nakuba nisiti nikwenze okulungileyo, ningoyiki nasinye isituso.
7
Ngokunjalo, nina madoda! hlalani na bo ngokufanelene nokwazi, ninike umfazi imbeko njengokuba eyimpahla ebutataka ngakumbi, nanjengokuba nizindlalifa kunye zofefe lwobomi, ukuze imitandazo yenu ingabi nakutintelwa.
8
UKUPELA ke, yibani nonke nivumelana, nivelana ngobubele, nitandana njengabazalwana, ninenceba, ninobuhlobo:
9
ningapindezeli ngobubi ngenxa yobubi, umhlaumbi ngokutuka ngenxa yokutuka; kodwa ngelinye icala nitamsanqelisa; nisazi nje ukuba nabizelwa kwa oku, ukuze nizuze itamsanqa.
10
Ngokuba onxamela ukutanda ubomi, nokubona imihla elungileyo, makapezise ulwimi lwake kokukohlakeleyo, nomlomo wake ukuba ungateti inkohliso:
11
makapepe okukohlakeleyo, enze okulungileyo; makafune uxolo, aluputume ke.
12
Kuba amehlo kayehova epezu kwabalungisayo, nendlebe zake zi bek elwa ukukunga kwabo: kodwa ubuso bukayehova bungakubo abakwenzayo okukohlakeleyo.
13
Ngubanina ke oya kunenza ububi, xeshekweni ningabalandeli bokulungileyo?
14
Koko nokuba ningaba nisiva intlungu ngenxa yobulungisa, ninetamsanqa ke. Ize ningoyiki ngokwoyika kwabo, ningaxaliswa kanjako;
15
kodwa uyehova utixo mngcwaliseni ezintliziyweni zenu. Kanjalo hlalani nilungele ukunika impendulo kubo bonke abalibizayo kuni ituba letemba elipakati kwenu ngokululama nangokuhlonela:
16
ninaso isazeliso esilungileyo; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, badaniswe abo bakuxokayo ukumila kwenu okulungileyo ku‐Kristu.
17
Ngokuba kulungile ngakumbi ukuba niti, yakutanda intando katixo, nive intlungu ngokwenza okulungileyo, ngapezu kwokuba nive intlungu ngokwenza okukohlakeleyo.
18
Ngokuba no‐Kristu weva intlungu kwa kanye ngenxa yezono, olungileyo evela abangalungileyo, ukuze asizise kutixo, efisiwe inyama nje, kodwa epilisiwe ngomoya;
19
okungaye kanjako waya washumayela komoya abasekuvalelweni,
20
bakuba fudula bebengenakuva, oko kube kulinda ukuzeka kade kukatixo emihleni ka‐Nowa, nxa inqanawa ibilungiswa, okukuyo imipefumlo emincinane, oko kukuti esibozo, yasindiswa icanda amanzi:
21
okuti okufanekiselwa ngawo kusisindise kaloku nati, kwa ubapitizesho, (kungekukususwa kwokunco̔la kwenyama, kukupendula kwesazeliso esilungileyo ngakuye utixo,) ngako ukuvuka kwake u‐Yesu Kristu;
22
oba ngasekunene kwotixo, eyile ezulwini; ingelosi, nabanegunya, nabanamandla, bebekiwe pantsi kuye.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5