bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Peter 4
1 Peter 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
Ngako ekubeni u‐Kristu wasivelayo tina intlungu enyameni, nani zixo̔beni ngayo inkumbulo ekwa yiyo; ngokuba ovileyo intlungu enyameni enqamkile kwisono;
2
ukuze ixesha elisaseleyo lokuhlala enyameni angabi sapila ngenkanuko zabantu, koko apile ngentando katixo.
3
Ngokuba lisanele ixesha eligqitileyo lobomi betu lokuba safeza inkanuko zabaheyideni, nxa sibe sihamba kuzo izinto zobutshinitshini, inkanuko ezimbi, izinxalo zeveyine, imihlali yobusuku, iziselelwano, nenkonzo ezibuntshontsho zezitixo:
4
abatelwa nqa oku, ukuba ningabaleki kunye nabo ukungena ekukukuleni kwobubedengu okukwa kuko, be ni gxeka nje:
5
abaya kupendulela kulowo osel’ ehlalela ukugweba abahleliyo nabafileyo.
6
Ngokuba ngenxa yoku ivangeli yashunyayelwa nakwabafileyo, ukuze bagwetywe ngokwabantu enyameni, kodwa badle ubomi ngo kwotixo emoyeni.
7
Kodwa ukupela kwezinto zonke sekukufupi: yenzani ngoko ngokutelekelela, niqabuke ngasemitandazweni.
8
Kodwa pezu kwento zonke yibani notando olunyamekileyo omnye ngakwomnye: kuba utando luya kugubungela isininzi sezono.
9
Yenzelanani ngembuko yabasemzini, kungeko ukuṙoṙa.
10
Mabati bonke ngabanye, njengokuba besamkele isipiwo, bakonzane kwa ngaso, njengamagosa alungileyo ofefe olupindapindiweyo lukatixo.
11
Osukuba eteta, makatete njengamazwi katixo; osukuba ekonza, makakonze njengokwobomelelo obubatyalwayo ngutixo: ukuze ezintweni zonke adunyiswe utixo ngaye u‐Yesu Kristu, okukokwake ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
12
Batandwa! ningatelwa nqa ukutsha okukoyo pakati kwenu kube kukulingwa kwenu, njengokungati into emangalisayo ibinihlela:
13
niti, njengoko ninobudlelana nazo intlungu zika‐Kristu ngako, nivuye; ukuze kanjalo ekutyilweni kwobungcwalisa bake nivuye ngokugcoba kakulu.
14
Ukuba niyatukelwa igama lika‐Kristu, ninetamsanqa ke; kuba u?-? moya wobungcwalisa no katixo epumla pezu kwenu: ngokwabo bona uyagxekwa, kodwa ngokwenu nina uyadunyiswa.
15
Noko makungabiko mntu wakuni ovayo intlungu njengokuba engumbulali, mhlaimbi elisela, mhlaimbi engumenzi wokukohlakeleyo, mhlaimbi engozifaka emicimbini yabanye abantu.
16
Kodwa ukuba kuko ovayo intlungu njengokuba engum‐Kristu, makangadani; kodwa makadumise utixo kulendawo.
17
Ngokuba ixesha lifikile lokokuba ukugwetywa kuqalwe ngayo indlu katixo: kodwa ukuba kuqalwa ngati, soba yinto nina ke isipelo sabangayivayo ivangeli katixo?
18
Nokuba olungileyo cebetshu uyasindiswa, yena ongabedeshiyo nomoni uya kubonakala pina?
19
Ngoko ke nabo abevayo intlungu ngokwentando katixo, mababekele imipefumlo yabo kuye, njengakumdali onyanisekileyo, ekulungiseni.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5