bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Timothy 1
2 Timothy 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, ngokwesitembiso sobomi obuku‐Kristu Yesu,
2
kuye u‐Timote umntwana wam otandiweyo: Ufefe, nobubele, n oxolo, luvela kuye utixo uyise, no‐Kristu Yesu inkosi yetu.
3
Ndiyabulela kutixo, endimkonzayo komakulu bam ngesazeliso esicocekileyo, ukuba singenakuyeka isikumbulo endinaso ngawe ezikungweni zam ebusuku nasemini,
4
ndilangazelela ukukubona, ndikumbulela inyembezi zako nje, ukuze ndizaliswe luvuyo;
5
ndakuba ndikumbula ukolo olungazenzisiyo olukuwe, olona lwemayo kuqala kunyokokulu u‐Loyise, nakunyoko u‐Yunike, endikolwa kanjako ukuba lumi nakuwe.
6
Enditi ngenxa yalendawo ndikukumbuze ukuba usivuselele isipo sikatixo, esikoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam.
7
Ngokuba utixo engasinikanga umoya wobugwala, koko wasinika owamandla, nowotando, nowokuzikalimela.
8
Ize ngoko ungabi nantloni ngabo ubunqi̔na benkosi yetu, nangam kanjako umbanjwa wayo; uti ubuve ubunzima kunye nam ngenxa yayo ivangeli ngokwamandla katixo:
9
owasisindisayo, wa si biza ngokubiza okungcwele, bekungengokwemisebenzi yetu, bekungokweyake imvume nofefe olwanikwa kuti ku‐Kristu Yesu engekabiko onke amaxesha akudala,
10
kodwa lubonakalisiwe kaloku ngako ukubonakala kwomsindisi wetu u‐Yesu Kristu, owatshabalalisa ukufa, wazisa ekuhleni ubomi nokungaboli ngayo ivangeli;
11
endamiselwa yona ndibe ngumshumayeli, nompostile, nomfundisi wabaheyideni:
12
enditi kanjalo ngenxa yalendawo ndizive ezizinto: andinantloni noko; ngokuba ndimazi lowo endibekile kuye itemba lam, ndikolwa kanjako ukuba unamandla ukugcina oko ndikubekeleyo kuye kude kube ngumhla lowo.
13
Wubambe umlinganiso wamazwi anobomi, owabuweva kum, elukolweni naselutandweni olukuye u‐Kristu Yesu.
14
Leyonto ilungileyo ebibekelwa kuwe yigcine ngaye umoya oyingcwele omiyo kuti.
15
Uyakwazi oku, okokuba bapambuka kum bonke abo base‐Asiya; abangabakubo ngu‐Figelo no‐Heremogenisi.
16
Yanga ingati inkosi inike ububele kwindlu ka‐Onesiforo; kuba futi wandonwabisa, engabanga nantloni ngawo umxokelelwane wam kanjalo:
17
koko wati akufika e‐Roma, wandifuna ngokuku̔tala ngakumbi, wa ndi fumana.
18
Yanga inkosi inganika kuye ukuba afumane ububele kwinkosi kuwo umhla lowo: nezinto ezingakanana abekonza ngazo e‐Efese, uyazazi wena kakulu ku m.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4