bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Timothy 2
2 Timothy 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
WENA ngoko nyana wam! yomelezeka elufefeni olukuye u‐Kristu Yesu.
2
Nezozinto wabuziva kum ebusweni bamanqi̔na amaninzi, zona ezi zibekele kubantu abanyanisekileyo, abo ke abaya kuba namandla okufundisa nabanye.
3
Wena ngoko nyamezela ubunzima njengesodati elilungileyo lika‐Yesu Kristu.
4
Akuko mntu ekonza njengesodati oziṙintyelayo ngemicimbi yokudliwa kwobomi; ukuze akolise lowo wamqeshayo abe lisodati.
5
Naxeshekweni kanjako kulwayo umntu ezindlalweni, akafakwa isitsaba xeshekweni angalwanga ngokwomteto.
6
Umlimi osebenzayo ufanele ukwamkela kuqala kwiziqa̔mo.
7
Qonda izinto endizitshoyo: yanga ke inkosi ingakunika ingqiqo ezintweni zonke.
8
Kumbula u‐Yesu Kristu njengokuba evusiwe ekufeni, owakuyo inzalo ka‐Davide, ngokwevangeli yam:
9
ekuyo ndibuvayo ubunzima njengomenzi wenkohlakalo kude kube zizinxibo; kodwa lona ilizwi likatixo alinxityiwe noko.
10
Ngenxa yoku zonke izinto ndiyazinyamezela ngenxa yabo abaqashwa, ukuze nabo bona baluzuze usindiswa olukuye u‐Kristu Yesu ndawonye nobungcwalisa obungunapakade.
11
Linyanisekile elilizwi: Ukuba ke safa kunye na ye, siya kubudla ubomi kunye na ye kanjako:
12
ukuba siyanyamezela, siya kupata ubukosi kunye na ye kanjako: ukuba siya m kanyela, naye lowo wosikanyela tina:
13
ukuba asinyanisekile tina, uyahlala enyanisekile lowo noko; akangezikanyele yena.
14
Ba kumbuze ezizinto, u ba yala kunene nje pambi kwenkosi ukuba bangapikisani ngamazwi, okungenakunceda nganto, kube kukweyeliselwa kwabevayo.
15
Nxamela ukuzimisa kutixo ubukiwe, ungumsebenzi ongadanele nto, ulungisa ukwaneka ilizwi lenyaniso.
16
Kodwa ukubadaza okungengcwele kunxweme: ngokuba beya kuhambisa ngento enkulu ngakumbi ekungabedeshini;
17
nelizwi labo liya kudla njengesiboliso: abangabakubo ngu‐Himeneyo no‐Fileto,
18
abate ngayo inyaniso baposisa, besiti ukuvuka kwabafileyo sekuhlile kade, bewisa ukolo lwenxenye kanjalo.
19
Noko ke umsekelo ote nqi katixo umi, unaso isincamatiselo esi: Inkosi iyabazi abangabayo: nakanjako: Mabemke kokungalungileyo bonke abalikankanyayo igama lika‐Kristu.
20
Kodwa endlwini enkulu aziko impahla zegolide nezesilivere zodwa, ziko ezemiti nezodongwe nazo; ezinye ke zibe zezinokubekwa, nezinye zibe zezingenakubekwa.
21
Xeshekweni ngoko umntu azihlambululayo kwezi, uya kuba yimpahla yokubekwa, yenziwe ngcwele, nenokunceda kunene kumninindlu, ilungiselwe yonke imisebenzi elungileyo.
22
Kodwa inkanuko zobutsha zibaleke; uze uputume ubulungisa, ukolo, utando, uxolano nabo babizayo kwinkosi ngentliziyo ecocekileyo.
23
Kodwa imibuzo ebudenge ebadamekileyo yale, usazi nje ukuba iyazivelisa impikiswano.
24
Kanjalo isicaka senkosi asifanele ukupika; koko sifanele ukuti sibe sinokutamba ngakubo bonke, silungele ukufundisa, sinyamezela ububi,
25
sibaluleka ngolulamo abo babambanayo naso: ukuba umhlaumbi utixo angabanika uguquko kube kukwaziwa kwenyaniso,
26
baze babuye bavuke emgibeni ka‐Satane, bebanjiwe nje nguye ukwenza intando yake.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4