bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Timothy 4
2 Timothy 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
Ndiya ku yala kunene ngoko pambi kwotixo, na pambi kwenkosi u‐Yesu Kristu, oya kugweba abahleliyo nabafileyo ekubonakaleni kwake na sekufikeni kwobukumkani bake:
2
shumayela ilizwi; nyameka ngexesha elifanelekileyo, na ngexesha elingafanelekileyo; yohlwaya, tetisa, yala, ngako konke ukuzeka kade nokufundisa.
3
Ngokuba ixesha liya kubako okuya bangayi kunyamezela ufundiso olunobomi; koko beya kuti ngokwezabo inkanuko bazifumbele abafundisi, bebaba indlebe nje;
4
babeya kusonga indlebe zabo kuyo inyaniso ke, baze batyekele ngasezintsomini.
5
Kodwa wena qabuka ezintweni zonke, nyamezela ubunzima, yenza umsebenzi womvangeli, kolisa ukufeza ubukonzi bako.
6
Ngokuba mna ndise ndinokutululwa, nexesha lokunduluka kwam likufupi.
7
Ukulwa okulungileyo ndikulwile, uhambo lwam ndilugqibile, ukolo ndilugcinile.
8
Okuseleyo, kuyandibekelelwa isitsaba sobulungisa, eso inkosi, umgwebi olungileyo, iya kusinika kum emhleni lowo; kungekum ke ndedwa, kukubo bonke abatandayo ukubonakala kwayo nabo.
9
NXAMELA ukuza kum kamsinya:
10
ngokuba u‐Demasi endishiyile ngokulitanda elilizwe lakaloku nje, waya e‐Tesalonika; u‐Kiresike uye e‐Galati, u‐Titusi uye e‐Dalamati.
11
Ngu‐Luke yedwa okoyo nam. Tabata u‐Maraki, umzise kwa nawe: ngokuba enokunceda kunene kum ebukonzini.
12
Kodwa u‐Tikikusi ndamtuma ukuya e‐Efese.
13
Longubo ndayishiyayo e‐Tirowa ku‐Karipo, yiti wakuza uwuzise nawe, kwa nazo incwadi, na ngokukodwa zona izintsu.
14
U‐Aletsandere inci̔bi yobedu wandenzela ububi obuninzi: yanga inkosi ingamvuza ngokwemisebenzi yake.
15
Oyena mlumkele nawe; ngokuba emelene namazwi etu kakulu.
16
Ngokwokuqala ukuzitetelela kwam akwabiko namnye owandivelelayo, koko bonke bandishiyayo: kwanga kungebalelwe kubo.
17
Kodwa inkosi yema ngakum, yandomeleza; ukuze intshumayelo iti ngam ikolise ukufezwa, nokuba bonke abaheyideni babe nokuva: kanjako ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.
18
Yaiya kuti inkosi indihlangule kuyo yonke imisebenzi ekohlakeleyo, i ndi sindise ndize ebukumkanini bayo basezulwini: ekuyo makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
19
Bulisa u‐Pirisila no‐Akwila, nabendlu ka‐Onesiforo.
20
U‐Erastusi wasala e‐Korinte; kodwa u‐Trofimo ndamshiya e‐Milito esifa.
21
Nxamela ukuza bungekabiko ubusika. Uyakubulisa u‐Yubulo, no‐Pudena, no‐Laino, no‐Kilodiya, nabo abazalwana bonke.
22
Inkosi u‐Yesu Kristu maibe nomoya wako. Ufefe malube nani. Amene.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4