bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Timothy 3
2 Timothy 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
YAZI kanjalo oku, okokuba emihleni yokugqibela iya kuza kubako imihla enzima.
2
Ngokuba abantu beya kuba ngabazitandayo, abatanda imali, abazidlayo, abaqanqalazayo, abagxeki, abangevayo abazali, abangenakubulela, abangenabungcwele,
3
abangenalutando lwokuvela, abangaxoliseki, abancetezi, abangenabunca̔tu, izibovubovu, abatiya abalungileyo,
4
ingcatsha, injubaqa, abakukumele lir̔atshi, bengabatanda imihlali ngapezu kwokuba bangabatanda utixo;
5
benaso isimilo sobubedesho, kodwa amandla abo bewakanyele: deda kubo abanjalo.
6
Ngokuba bengabakubo aba abo bakaselayo ezindlwini, batimbe amankazana azidenge, etweswe zizono, er̔olwa zinkanuko ngenkanuko,
7
emana efunda, kanti engenamandla okuza ekwaziweni kwenyaniso napakade.
8
Kekaloku njengokuba u‐Jane no‐Jambere bebemelana no‐Mosesi, kwa njalo nabo aba bayamelana nenyaniso; abantu abaluvo lwonakele kanye, bengabaliwayo ngalo ukolo.
9
Kuloko bengayi kuhambisa ngento enkulu ngakumbi; ngokuba ubugeza babo buya kubonakala kubo bonke kwa sekuhleni, njengokuba nobabo abo bebunjalo.
10
Kodwa wena ute nama ukulanda eyam imfundiso, impato, imvume, ukolo, ukuzeka kade, utando, umonde,
11
intshutshiso, intlungu; — intlungu ezinjengezo zandihlelayo e‐Antiyoki, e‐Koniyume, e‐Lisitira; intshutshiso ezinjengezo ndazinyamezelayo; kanti inkosi yandihlangula kuzo zonke.
12
Ewe, bonke abatanda ukuhlala ngobubedesho ku‐Kristu Yesu baya kutshutshiswa nabo.
13
Kodwa abantu abakohlakeleyo nabanyangi baya kuhambisela kokubi ngakumbi, bekohlisa bekohliswa nokukohliswa.
14
Wena kodwa hlala kwezonto uzifundileyo noziqiniselweyo, usazi nje lowo wazifunda kuye;
15
nokokuba uti kutabata ebuntwaneni bako uzazile iziba̔lo ezingcwele, ezinamandla ukukwenza ulumkele usindiswa ngalo ukolo olukuye u‐Kristu Yesu.
16
Zonke iziba̔lo zinikwa ngokupefumlela kukatixo, zinceda kanjalo ukuba kufundiswe, ukuba kohlwaywe, ukuba kulungiswe, ukuba kululekwe ebulungiseni;
17
ukuze indoda katixo ibe ifezekile, ilungiselelwe yonke imisebenzi elungileyo ngokuzalisekileyo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4