bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Colossians 1
Colossians 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, no‐Timote umzalwana wetu,
2
kubo abangcwele nabazalwana abakolwayo ku‐Kristu abase‐Kolose: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3
Siyabulela kuye utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, sinitandazela ngamaxesha onke,
4
siyivile nje inkolo yenu ku‐Kristu Yesu, notando e ninalo kubo bona bonke abangcwele,
5
ngenxa yetemba enibekelelwe lona ezulwini, elo nevayo ngalc pambili elizwini lenyaniso levangeli;
6
eze kubako kuni, njengokuba iko nakulo lonke ilizwe; eti kanjalo ivelise izixakato, njengokuba isenje njalo napakati kwenu, kuselokwomhla ena yi va ngawo, naza nalwazi ufefe lukatixo ngenyaniso:
7
njengokuba kanjalo benifundile ku‐Epafrasi, isicaka kunye nati esitandiweyo, ongumkonzi onyanisekileyo ka‐Kristu ngenxa yenu;
8
owati kanjalo waxela kuti utando lwenu kumoya.
9
Ngenxa yako oku nati, kuselokwomhla sevayo, asipezi ukunitandazela, nokucela ukuba nizaliswe ngokwaziwa kwentando yake kubo bonke ubulumko nokuqonda okubumoya;
10
ukuze nihambe ngokufanele inkosi kube kukukolisa konke, nivelisa izixakato kuyo yonke imisebenzi elungileyo, nikulela ekumazini utixo;
11
nisomelezwa ngabo bonke ubomelelo, ngokwamandla obungcwalisa bake, kube kuko konke ukunyamezela nokuzeka kade ndawonye novuyo;
12
nibulela kuyise owasenza silinganele isabiwo selifa labangcwele ekukanyeni:
13
owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wa si fudusela ebukumkanini bonyana wotando lwake;
14
okuye sinalo ukululwa ngalo igazi lake, uxolelwa lwezono zetu:
15
ongumfanekiso wotixo ongabonekiyo, umzalwatanci kuzo zonke izidalwa:
16
ngokuba kuye kwadalwa zonke izinto, ezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, ezo zibonekayo nezo zingabonekiyo, nokuba zezineterone, nokuba zezinobukosi, nokuba zezinobupati, nokuba zezinegunya, — zonke izinto zidaliwe ngaye, nangenxa yake:
17
kanjalo yena upambili kuzo zonke izinto, nakuye’zonke izinto zimana zimi.
18
Kanjako nguye oyintloko yomzimba, yeṙemente; osiso isiqalo, umzalwatanci kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkulu ezintweni zonke:
19
ngokuba ebetanda u‐Yise ukuba bonke ubuzala buhlale kuye;
20
nokuba ati ngaye zonke izinto azixolisane naye yena, elwenzile uxolo nje ngalo igazi lekuruse yake, — kwa ngaye ke, nokuba zezo zisemhlabeni, nokuba zezo zisezulwini.
21
Nani nina, nakuba nibe nifudula ningabasemzini nabazintshaba eluveni lwenu kuyo imisebenzi ekohlakeleyo, noko kaloku unixolisene naye
22
emzimbeni wenyama yake ngako ukufa kwake, ukuze animise nibangcwele, nibamsulwa, ningenakunikwa ityala, ebusweni bake:
23
ukuba kambe nimana ukuma elukolweni, nisekelwe, niqinile nokuqina, ningashenxiswa nje kanjalo etembeni levangeli, leyo nayivayo, eyashunyayelwa kuko konke ukudalwa okungapantsi kwezulu; endaba ngumkonzi wayo mna Paulusi.
24
Enditi kaloku ndivuye ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndizalisekise izinto eziswelekileyo zembandezelwa zika‐Kristu enyameni yam ngenxa yomzimba wake, oyiyo iṙemente:
25
endaba ngumkonzi wayo mna ngokwolwabo lukatixo olwanikwa kum ngakuni, ukuba ndikolise ukushumayela ilizwi likatixo, —
26
imfihlakalo ebifihlelwe amaxesha akudala nezizukulwana, kodwa kaloku ibonakalisiwe kubangcwele bake:
27
abete utixo watanda ukubazisa into buyiyo ubutyebi bobungcwalisa bemfihlakalo le pakati kwabaheyideni; engu‐Kristu pakati kwenu, itemba lobungcwalisa:
28
esiti tina simshumayele, siluleka bonke abantu, sifundisa nokufundisa abantu bonke ngobulumko bonke; ukuze simise bonke abantu befezekile ku‐Kristu Yesu;
29
endizamela kona kanjalo, ndikandanisa ngokwokusebenza kwake, okusebenzayo kum ngamandla.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4