bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Colossians 4
Colossians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
Nina zinkosi! yenzelani amakonza enu oko kufanelekileyo noko kulingeneyo; nisazi nje ukuba nani ninayo inkosi ezulwini.
2
Zingisani ekutandazeni, nilinda nje kuko ngombulelo;
3
nitandaza kunye nako oko nangenxa yetu, ukuba utixo asivulele ucango lwelizwi, size siyitete imfihlakalo ka‐Kristu, endisekubanjweni ngenxa yayo kanjalo;
4
ukuze ndiyibonakalise, njengoko ndifanele ukuteta ngako.
5
Hambani ngobulumko ngakubo abapandle, nizitengela ituba nje.
6
Ukuteta kwenu makube ngofefe ngamaxesha onke, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuba nifanele ukuti nina ukupendula bonke abanye ngabanye.
7
ZONKE indawo zam uya kunazisa zona u‐Tikikusi, ongumzalwana otandiweyo, nomkonzi onyanisekileyo, nesicaka kunye nam enkosini:
8
endimtumele kwa yona lento kuni, yokuba aqonde okwenu, azonwabise intliziyo zenu;
9
kunye no‐Onesimusi, umzalwana wetu onyanisekileyo notandiweyo, ongowakowenu. Baya kunazisa konke okwalapa.
10
U‐Aristariko, umbanjwa kunye nam, uyanibulisa; kwa no‐Maraki, isalamane sika‐Banabasi, enaniyamkele imiyalelo ngaye; (xeshekweni ezayo kuni, mamkeleni;)
11
no‐Yesu, o‐kutiwa ngu‐Yusitusi, abangabo basekwalukeni. Aba bodwa bangabasebenzisi bam ngasebukumkanini bukatixo, abate baba sisonwabiso kum.
12
U‐Epafrasi, ongowakowenu, isicaka sika‐Kristu, uyanibulisa, enizamela kakulu ngamaxesha onke emitandazweni yake, ukuba nime nifezekile nizalisekile kuyo yonke intando katixo.
13
Ngokuba ndimnqi̔nela ukuba unozondelelo olukulu ngenxa yenu, nabo base‐Lawodikeya, nabo base‐Herapolisi.
14
U‐Luke, igqiṙa elitandiweyo, uyanibulisa; Kwa no‐Demasi.
15
Bulisani abazalwana abase‐Lawodikeya, no‐Nimfasi, neṙemente esendlwini yake.
16
Naxeshekweni incwadi le ileseshiwe pakati kwenu, yenzani ukuba ileseshwe naseṙementeni yama‐Lawodikeya, nokuba nani niyileseshe leyo ivela e‐Lawodikeya.
17
Kanjalo yitini kuye u‐Arikipo: Lumkela ubukonzi owabubamkela enkosini, ukuba ubufeze.
18
Umbuliso wam Paulusi ngesam isandla. Kumbulani imibambo yam. Ufefe malube nani. Amene.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4