bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Colossians 3
Colossians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
UKUBA ngoko nibe nivuswa kunye no‐Kristu, funani izinto ezipezulu, apo u‐Kristu akona, ehleli ngasekunene kwotixo.
2
Nyamekelani izinto ezipezulu, ninga nyamekeli izinto ezisemhlabeni.
3
Ngokuba nafayo, nobomi benu bona bufihlelwe kunye no‐Kristu kutixo.
4
Okuya u‐Kristu, obubomi betu, uya kubonakaliswa, niya kwandula oko nani nibonakaliswe kunye naye ebungcwaliseni.
5
Fisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; umbulo, ubunco̔la, ukuva okubi, inkanuko ekohlakeleyo, nobubawa, obuti bona buyinkonzo yezitixo:
6
ekungenxa yezizinto umsindo katixo uza pezu kwalo usapo lwokungeva;
7
enanifudula nihamba pakati kwalo nani, okuya nibe nihlala kuzo.
8
Kodwa kaloku zibekeni nxamnye nani zonke ezi, uqumbo, umsindo, ulunya, ugxeko, ukuteta okuhlazekileyo emlonyeni wenu.
9
Ningaxoki omnye kwomnye, nimtulile nje umntu omdala kunye nezenzo zake,
10
namambata omtsha, ohlaziyelwa ngasekwazini ngokwomfanekiso walowo wamdalayo:
11
apo kungeko kona um‐Girike nom‐Juda, ukwaluka nokungaluki, um‐Babare n om‐Sitiya, ikoboka n okululekileyo; koko u‐Kristu ezinto zonke, nakubo bonke.
12
Yambatani ngoko, njengabaqashwa bakatixo, abangcwele nabatandiweyo, inceba zetaṙu, ububele, ukutobeka kwentliziyo, ululamo, ukuzeka kade;
13
ninyamezelana, nixolelana, ukuba kuko omnye onesikalazo ngakuye omnye; njengokuba naye u‐Kristu ebexolela nina, nisenje njalo nani.
14
Kodwa pezu kwazo zonke ezizinto yambatani utando, olungumbambo wemfezeko.
15
Kanjako uxolo lukatixo malube nokupata ezintliziyweni zenu, enibe nibizelwa kulo kanjako emzimbeni mnye; nize nibe nokubulela.
16
Ilizwi lika‐Kristu malikolise ukuma kuni, nifundisana nilulekana ngobulumko bonke, ngamaculo, nangengoma zokudumisa, nangezivumo ezibumoya, nivuma ngofefe ezintliziyweni zenu enkosini.
17
Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi umhlaumbi ngesenzo, zonke izinto zenzeni egameni lenkosi u‐Yesu, nibulela kuye utixo noyise ngayo yona.
18
Nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda, njengokuba kufanelekile enkosini.
19
Nina madoda! tandani abafazi benu, nize ningabi buṙaṙa ngakubo.
20
Nina bantwana! yivani abazali benu ngenxa zonke; ngokuba oku kukolekile enkosini.
21
Nina boyise! ningacapukisi abantwana benu, ukuze bangadani.
22
Nina makonza! yivani ngenxa zonke abazinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngokukonza kwamehlo njengabakolisabantu, kube ngolungelelwano lwentliziyo, nisoyika utixo.
23
Nako konke enisukuba nikwenza, kwenzeni kwa ngentliziyo, njengakuyo inkosi, kungekubo abantu;
24
nisazi nje ukuba niya kuwamkela kwinkosi umvuzo welifa: ngokuba niyikonza inkosi u‐Kristu.
25
Kodwa owonayo uya kubuya amkele oko wona ngako: kanjako akuko ukuketwa kwabantu.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4