bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Colossians 2
Colossians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
NGOKUBA ndifuna ukuba nikwazi ukulwa okukulu kangakanana endinako ngenxa yenu, nabo abase‐Lawodikeya, nabo bonke abangabonanga ubuso bam enyameni;
2
ukuze intliziyo zabo zonwatyiswe, bebandakanywa elutandweni nje, nakude kube bubo bonke ubutyebi bengqiniso ezalisekileyo yengqondo, kude kube kukwaziwa kwemfihlakalo yake utixo noyise, neka‐Kristu;
3
okukoyo kuye zonke indyebo zobulumko nezokwazi zifihlekile.
4
Kekaloku oku ndiyakutsho, ukuze kungabiko onibukuqayo ngokuteta okuhendayo.
5
Ngokuba nangona ndingeko ngenyama, ndiko nani noko ngomoya, ndivuya nje ndibona nokubona ukulungelana kwenu, nokuti nqi kwenkolo yenu ku‐Kristu.
6
Njengokuba ngoko benimamkele u‐Kristu Yesu oyinkosi, kwa njalo hambani kuye:
7
nendele nisakelwa nokwakelwa kuye, niqiniswa kanjalo elukolweni, kwa njengokuba nibe nifundiswa, nikolisa ukwanda kulo ngombulelo.
8
Lumkani kungabiko mntu oya kutimba nina ngayo ifilosofe nenkohliso engendawo, ngokwesinikelo sabantu, ngokweziqalelo zelizwe, kungengokuka‐Kristu.
9
Ngokuba kuye kuhleli bonke ubuzala bobutixo busemzimbeni.
10
Kanjalo nizalisekile kuye; oyintloko yabo bonke ubupati negunya;
11
okuye kanjako nibe nalukile ngokwaluka okungenziwanga ngezandla, ekutulweni kwomzimba wezono zenyama, ekwalukeni kuka‐Kristu;
12
nincw̔atyiwe nje kunye naye ekubapitizeshweni, okuko kanjako nibe nivuswa kunye naye ngalo ukolo lwokusebenza kukatixo, owamvusayo kwabafileyo.
13
Nani nifile nje eziposweni zenu nasekungalukini kwenyama yenu, wanipilisa kwa kunye naye, enixolele zonke iziposo zenu;
14
esicimile isiba̔lo siteta ngakuti ngemimiselo yaso, esibe sica̔sana nati, waza wasisusa endleleni, esibetele ekuruseni yake;
15
wati ebahlubile nje abanobupati nabanegunya wenza isibonelo ngabo kwa sekuhleni, ebavuyelela kwa kuyo.
16
Makungabiko mntu ngoko onigwebayo ekutyeni, imhlaimbi ekuseleni, imhlaimbi endaweni yomtendeleko, imhlaimbi yenyanga etwasileyo, imhlaimbi yesabata;
17
ezisisitunzi sezinto eziza kuza, kodwa wona umzimba ungoka‐Kristu.
18
Makungabiko namnye onilahlekisana nomvuzo wenu, efuna ukwenje njalo ekutobekeni kwentliziyo nasekubedeshweni kwazo ingelosi, ehlola izinto angazibonanga, efumana evutelaniswa luluvo lwenyama yake,
19
engabambeleli koyintloko kanjalo, okuye uti umzimba wonke, usongiwa ubandakanywa nokubandakanywa ngawo amalungu nemisipa, ukule ngenkuliso katixo.
20
Ukuba ngoko nafa kunye no‐Kristu nahlukana nazo iziqalelo zelizwe, yinina ukuba niti, njengokungati nibe nihlala elizweni, nizibeke ngapantsi kwemimiselo, —
21
Ningapati, ningake nive, ningacu̔kumisi kanjako,
22
(izinto ezizezokutshatyalaliswa zonke ekugqityelweni kwazo,) — ngokweziyalelo nezifundiso zabantu?
23
Eziti ezonto zinodumo lwokuba zibubulumko, ekubedesheni okuzenzayo, nasekutobekeni kwentliziyo, nasekubandezelweni kwomzimba, kungekwinto enobomi, ziyelela ukudikwa kwenyama.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4