bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
James 1
James 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
1
UYAKOBI, isicaka sikatixo ne senkosi u‐Yesu Kristu, kuzo izizwe ezilishumi linazibini ezici̔takeleyo, ebulisa.
2
Yitini luvuyo lwonke, bazalwana bam! xeshekweni niwelayo emalingweni amaninzi;
3
nisazi nje ukuba ukulingwa kwokolo lwenu kuyazuzisa umonde.
4
Kodwa wona umonde maube nomsebenzi ofezekileyo, ukuze nibe nifezekile nizalisekile, ningasweleki nganto.
5
Kodwa ukuba kuko owenu uswele ubulumko, makacele kutixo oti bonke abape ngesisa, angatetisi ke; waeya kubupiwa.
6
Makacele kodwa ngokolo, engatandabuzi nto; ngokuba otandabuzayo efana neliza lolwandle liqu̔tywa ngumoya lizanyazanyiswa.
7
Makangabi pofu lowamntu uya kwamkela into kuyo inkosi:
8
umntu ontliziyo mbini uyajingajinga kuzo zonke indlela zake.
9
Makaqa̔yise ke umzalwana osebupantsini, ebupakanyweni bake;
10
kodwa osisityebi, ebupantsini bake; kuba njengembali yenca eya kudlula.
11
Ngokuba liti lakupuma ilanga kunye nokufudumala okutshisayo, landule libunise inca, nembali yayo ivutuluke, nobuhle bokubonakala kwayo butshabalale; ngokunjalo naye osisityebi uya kushwabana ezihambeni zake.
12
Unetamsanqa umntu onyamezelayo ukulingwa; kuba eya kuti akuba ebukiwe asamkele isitsaba sobomi, eso inkosi ibatembisile abayitandayo ngaso.
13
Makangatsho umntu akuzingwa ukuti: Ndizingwa ngutixo: ngokuba utixo engazingeki kokukohlakeleyo; kanjalo yena ngokwake akazingi mntu.
14
Kodwa umntu uyazingwa, akuti akukuliswe yeyake inkanuko, ahendwe.
15
Yandule yona inkanuko nxa ikaulileyo izale isono; siti ke isono sakugqitywa sizale ukufa.
16
Ize ningaposisi, bazalwana bam abatandiweyo!
17
Zonke izipo ezilungileyo nazo zonke izipiwo ezifezekileyo zivela pezulu, zisihla kuyise wezikanyiso, okuye kungeko kuguquleka nesitunzi sokujika.
18
Ngokutanda kwake wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuba sibe sisandulelo esitile sezidalwa zake.
19
Ngoko ke, bazalwana bam abatandiweyo! mabati bonke abantu ngabanye banxamele ukuva, balibalele ukuteta, balibalele ukuqumba.
20
Ngokuba ukuqumba kwomntu kungazuzisi ubulungisa bukatixo.
21
Ngako oko, senibeka nxamnye nje konke ukunco̔la nokupupuma kwobumenemene, maniti ngolulamo nilamkele ilizwi elityaliweyo ku ni, elinamandla okuyisindisa imipefumlo yenu.
22
Kodwa yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabapulapuli kodwa, nizibukuqa nje.
23
Ngokuba lowo usukuba engumpulapuli welizwi, engengumenzi kanti, yena lo ufana nomntu ebonela ubuso bake bokuvela encwadini;
24
ngokuba ezibonele, wemka ke, waza walibala msinya ukuba ebenjanina.
25
Kodwa lowo uti akangele emtetweni ofezekileyo wenkululeko, ahlale esenje njalo, yena lo engenguye umpulapuli onokulibala nje, enguye umenzi womsebenzi, yena lo woba netamsanqa ekwenzeni kwake.
26
Ukuba kuko oba uyabedesha utixo pakati kwenu, ongakalimeli ulwimi lwake, koko ekohlisa intliziyo yake, imbedesho yalo mntu yinto engendawo.
27
Imbedesho ecocekileyo enganco̔lisekileyo pambi kwake utixo noyise yiyo le; yokuba umntu alunguze inkedama nabahlolokazi ebunzimeni babo, n okuba azigcine engenabala kokwelizwe.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5