bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
James 2
James 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
1
BAZALWANA bam! ningabambi ukolo lwayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, i‐Nkosi yobungcwalisa, ngokuketa abantu.
2
Ngokuba xeshekweni kungena entlanganisweni yenu umntu onemisesane yegolide enezivato ezihle, kuze kungene nolihlwempu enezivato ezonakeleyo,
3
nandule nikangele ngakulowo uzambeteyo izivato ezihle, niti kuye: Hlala wena apa kakuhle; nize niti kolihlwempu: Yima wena paya, umhlaumbi hlala apa ngapantsi kwesitulo sam senyawo:
4
anikwenzanga ke na ukwahluka pakati kwenu, naba ngabagwebi abazicamango zikohlakeleyo?
5
Yivani, bazalwana bam abatandiweyo! utixo akanyulanga yinina abangamahlwempu elilizwe babe betyebile elukolweni, nendlalifa zobukumkani abatembisile bona abamtandayo?
6
Nina kodwa nimdelile olihlwempu. Asi zizo izityebi na ezinibandezelayo, eziti kanjalo zinir̔olele ematyaleni?
7
Aziligxeki na zona elogama lilungileyo enibizwe ngalo?
8
Ukuba ke niyawufeza umteto odumileyo kakulu, ngokwesiba̔lo esiti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako; niyalungisa:
9
kodwa ukuba niyaketa abantu, niyenza isono, niboniswa ngumteto nje ukuba ningabagqiti.
10
Ngokuba umntu oya kuti, noko aya kugcina umteto wonke, aposise ng endawo inye, uyamelwa lityala ngazo zonke.
11
Ngokuba yena watshoyo ukuti: Ungaṙexezi, watsho nokuti: Ungabulali. Kekaloku ukuba uya kuti, nangona ungayi kuṙexeza, ubulale, usel’ ungumgqiti womteto.
12
Nenje njalo ukuteta, nenje njalo ukwenza, njengabo abaya kugwetywa ngawo umteto wenkululeko.
13
Ngokuba eya kuba nokugwetywa okungenabubele lowo ungenzanga ngobubele: kanti ububele buyavuyelela ukugweba.
14
Kunceda nto nina, bazalwana bam! xeshekweni atshoyo umntu ukuti unalo ukolo, kodwa akanayo imisebenzi? ukolo olo lungamsindisa na?
15
Xeshekweni ke umzalwana umhlaumbi udade bazé, baswele nokudla kwemihla ngemihla,
16
aze atsho omnye wakuni kubo ukuti: Hambani ngoxolo, ndifudumale, nihlute; niti noko ningabapi ezonto ezifanele umzimba; kunceda nto nina ke oko?
17
Kwa njalo nokolo, xeshekweni lungenayo imisebenzi, lufile, lulodwa nje.
18
Koko kuya kuti umntu: Wena unokolo, nam ndinemisebenzi: ndibonise ukolo lwako lungenamisebenzi yako, nam ndiya kubonisa wena ngemisebenzi yam ukolo lwam.
19
Uyakolwa ukuba utixo umnye; uyalungisa; ziti zona idemoni zikolwe nazo, zingcangcazele noko.
20
Kodwa ufuna ukuqonda na, mntundini unyabileyo! ukuba ukolo lungenamisebenzi lufile?
21
U‐Abrahame ubawo wetu wabengagwetyelwa ngemisebenzi yinina, akumnikela u‐Yisake unyana wake pezu kwaso isibingelo?
22
Uyabona ukuba ukolo lube lusebenza kunye nemisebenzi yake, n okuba ngayo imisebenzi ukolo lwake lwafezekiswa.
23
Saza sazalisekiswa isiba̔lo esiti: u‐Abrahame wakolwa ngutixo, kwaza kwambalelwa kube kukulunga; waza wabizwa ngomhlobo katixo.
24
Niyabona ngako ukuba umntu uyagwetyelwa ngemisebenzi, kungengokolo lodwa.
25
Ngokunjalo ke naye u‐Rakabi umpinyiswa wabengagwetyelwa ngemisebenzi yinina, akuzamkela izitunywa, waza wazindulula ngenye indlela?
26
Ngokuba njengokuba umzimba ungenamoya ufile, kwa njalo ukolo lungenamisebenzi lufile nalo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5