bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
James 3
James 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
1
NINGABI ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam! nisazi ukuba siya kuzuza ukugwetywa okukulu ngakumbi ke.
2
Ngokuba siposisa kwa sonke ngendawo ezininzi. Ukuba kuko ongaposisiyo emazwini, yena lo ungumntu ofezekileyo, enamandla ukukalimela kwa wonke umzimba.
3
Bona ke, imikala yamahashe siyayifaka emilonyeni yawo ukuba asive, siti wonke umzimba wawo siwusonge.
4
Bona ke, nenqanawa, nangona zinkulu kangaka, ziqu̔tywa nokuqu̔tywa ngumoya onamandla, ziyasongwa ngumti wokukapa omncinane kakulu noko, apo kusukuba unxamelo lwomkokeli lunga zingaya kona.
5
Kwa njalo nolwimi lulilungwana oluncinane, kanti luyateta izinto ezinkulu. Bona ke, umlilo omncinane ulipemba igoqo elikulu kangakanana lenkuni!
6
Nalo lona ulwimi lungumlilo, lulilizwe lenkohlakalo: luhlala njalo ke ulwimi pakati kwamalungu etu, oludyobayo umzimba wonke, lutshisa injikelezo yemvelo, lutshiswa lona sisihogo somlilo.
7
Ngokuba zonke intlobo zezilo, nezentaka, nezezinto ezinambuzelayo, nezezinto eziselwandle, ziyoyiswa, ewe zoyisiwe luluntu:
8
kodwa lona ulwimi akuko namnye umntu ongalwoyisayo; lusisikohlakalo esingenakuqojoshwa, luzele bubuhlungu obufisayo.
9
Ngalo lona siyambonga yena utixo noyise, nangalo lona siyaqalekisa abantu abenziweyo ngokufana notixo.
10
Kwa kuwo umlomo mnye kupuma ukubonga nokuqalekisa. Ezizinto, bazalwana bam! ngazingabi njalo.
11
Umtombo uyampompoza na kwa kulo ituba linye amanzi amnandi naṙaṙa?
12
Umkiwane, bazalwana bam! ungavelisa amanquma na, umhlaumbi umti weveyine amakiwane na? Kwa njalo ke akuko mtombo ongavelisayo amanzi atyuwa namnandi.
13
Ngubanina olumkileyo onokwazi pakati kwenu? makayibonakalise ngokumila okulungileyo imisebenzi yake ekululameni kwobulumko.
14
Kodwa ukuba ninozondo oluṙaṙa nenkani entliziyweni yenu, ize ningaqa̔yisi ningaxoki ngakuyo inyaniso.
15
Obu abububo ubulumko obuhlayo buvela pezulu, bubobasemhlabeni, bobobuntu, bobobudemoni.
16
Ngokuba apo kukoyo uzondo nenkani, kuko kwa kona impitimpiti nazo zonke izenzo ezibi.
17
Kodwa ubulumko obuvela pezulu buti ke ukuqala bucocekile, band’ ukuba luxolo, butambile, bucengeka kakuhle, buzele bububele nezixakato ezilungileyo, bungenakwahlula, bungenakuhanahanisa.
18
Kekaloku isixakato sobulungisa siyahlwayelwa eluxolweni ngabo abalwenzayo uxolo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5